Basezwa utywala, banxile, badlwengulwe

Abaqhankqalazi ngosuku loomama, eKomani Umfanekiso: Siyabulela Mqikela

Amakhosikazi athi abengamaxhoba odlwengulo, asezwa utywala anxile phambi kokudlwengulwa ngabantu abazenza izihlobo zabo okanye izithandwa zabo eKomani.

Le yingxelo ekhutshwe ngumphathi wesikhululo samapolisa eKomani, Major General Phuthumile Pateki, ngethuba esamkela umqulu wezikhalazo ezisuka kumadodana aseTshetshi.

Amadodana enkonzo yaseTshetshi eKomani aqhube umngcelele oye kuphelela kwisikhululo samapolisa eKomani bekhalazela ukubulawa, ukuxhatshazwa, nokudlwengulwa koomama nabantwana.

Esamkela umqulu uPatekile uthe ikho imfuneko yentsebenziswano eqinileyo kunye neenkonzo noluntu ngokubanzi.

“Uninzi lwamaxhoba odlwengulo aqala ngokusezwa utywala aze athathwe aye kwindawo zokuhlala zabo babeseze utywala badlwengulwe kamva,” uthethe watsho uPatekile.

Uthi ilokishi yakwaMlungisi (eKomani) ingxamele ukuxaka ngolwaphulo-mthetho.

“Nize apha ngexesha elifanelekileyo kuba sixakene neziganeko zodlwengulo nobundlobongela basemakhaya,”ucacise watsho uPatekile.

Okhokele igqiza lamadodana aseTshetshi kwisithili sakuKomani uNkululeko Mayaphi uthi bagqithise olu xwebhu ngenxa yokuba baxhalabile kukunyuka kweziganeko zokubulawa nokudlwengulwa kwamanina eKomani.

“Sicela kumapolisa aqwalasele ngoku kodwa okuqhubekayo kumatyala wabantu ababanjelwa ukubulala nokudlwengula amanina, kuba baphuma lula ababantu,” uthethe watsho uMayaphi.

Ugxeke ekwagxibha iinkundla zoMzantsi Afrika ngokubonakalisa imfobe kwabo babanjwa ngezityholo zokudlwengula nokubulala.

“Kufuneka ukuba iinkundla namapolisa zimanyane ukunqanda ukukhula nokwanda kwamanani wabantu abaphuma ezintolongweni ngebheyile nangengqawule kodwa babulele badlwengule,” ucacise watsho uMayaphi.

UMayaphi uthi ngosuku ngalunye ngamakhosikazi amathathu athi abulawe kweli loMzantsi Afrika ngenxa yezaphuli-mthetho.

UPatekile uthi banendlela eyodwa yokwamnkela amaxhoba odlwengulo nokubulawa kwizikhululo zaseKomani.

“Kuba abanye beza besaxhalabile okanye besoyika ngoko ke sinendawo eyodwa yokubamkela bachaze ingxaki yabo, kodwa siyacela kubefundisi ukuba basincedise kwinkqubo yentuthuzelo yamaxhoba ezimeko,” utsho uPatekile.

La madoda aqale lo mngcelele kwiholo yoluntu iSkweyiya kwilokishi yakwaMlungisi besinge kwisikhululo samapolisa eKomani.

Isithethi samapolisa eKomani, uNamhla Mdleleni, uthi abanazo inkcukacha-manani eziganeko zokubulawa nokudlwengulwa kwabantwana namakhosikazi eKomani.

“Lona liyenyuka izinga lezi ziganeko zokubulawa nokudlwengulwa kwamanina nabantwana apha, kodwa okwa ngoku asinawo amanani achaziweyo,” utsho uMdleleni.