Basungula umbutho wopolitiko abeeteksi

Ngenxa yokuphelelwa lithemba kumbutho olawulayo, imibutho eyindibanisela yeeteksi eKapa, Mpuma Koloni, Freyistata nesixa seKZN basungula umbutho wezopolitiko.

Ingxelo ithi lo mbutho sele uliphosile igama lawo ngeenjongo zokuba lipase ngokusemthethweni. Umququzeleli wokumiselwa kwalo mbutho uMzoxolo Dibela, uthi bazizinxadanxada bezama ukuqinisekisa ukuba ubhalisiwe lo mbutho ngokusemthethweni.

“Silifakile igama kurhulumente ukuze kujongwe ukuba akukho omnye umbutho onegama elifanayo, elokuqala igama ebesinalo belisithi All African Alliance, siliyekile kuba sele lithathiwe, ngoku sibhalise elithi All Transport Alliance,” uthethe oko uDibela.

Le ndibanisela yenziwa yimibutho equka uCata, Codeta, Boland, Eden, Two Oceans, West Coast neminye emininzi.

“Sikuthethwano nemibutho equka uBorder Alliance eMpuma Koloni neminye, sifuna ukuthumela amadoda namakhosikazi aye kusimela ePalamente eKapa, lo mbutho ukhoyo uxakiwe sithi, sifuna ukuzimela ngokwethu,” utsho uDibela.

Uthi iingxaki zokubanjwa kweemoto zabo ngurhulumente, ukunganikwa kwabo imvume yokusebenza, ukungathethelelwa kwabo ngurhulumente kwiinkampani abathenga kuzo iimoto, nokungaxhaswa ngezimali ngurhulumente, zezona ngxaki ziphambili.

“Inkampani zoololiwe zixhaswa ngurhulumente, iinkampani zeebhasi zixhaswa ngurhulumente, thina sitshutshiswa ngokunganikwa imvume zokusebenza, bonke abaphathiswa abakhe bakho kwezothutho sithetha into enye nabo,” utsho uDibela.

Uhambisa athi iimoto zohlobo lweQuantum abasebenza ngazo zibadla imali evakalayo, urhulumente akabancedisi.

“Sihlawula imali ekwishumi elinesihlanu lamawaka eerandi (R15 000) ngemoto nganye, asikwazi kufikelela kule mali, ukuba lo mbutho ulawulayo ubusimele kumele ukuba kuthethwe noToyota ayitshintshe indlela asihlawula ngayo,” utshilo uDibela.

Ukanti zikho iingxelo zokuba kukho uthethwano neenkokheli zenkonzo ukuze zidibane nalo mbutho umtsha kwenziwe inguqu.

“NgoLwesithathu besinentlanganiso nenkokheli yenkonzo yaseTwelve Apostolic Church in Christ, injongo kukucela intsebenziswano ukuze sifumane amanani acacileyo abavoti,” utsho uDibela.

Oyinkokheli kule nkonzo uAustin Nongqunga ngaphambili waxelela eli phephandaba ukuba bakwiphulo lokumisela umbutho wezopolitiko.

“Sele siwubhalisile owethu umbutho, sineenjongo zokungena ePalamente ngawo, singasebenzisana naye nabani ofuna ukusebenzisana nathi,” watsho uNongqunga.

Ingxelo ithi yimibutho yeenkonzo ezingaphezu kweshumi eyinxalenye yoku.

Ingcali zopolitiko zithi imibutho elwela inkululeko ithatha iminyaka engamashumi amabini kuphela, itshabalale emva koko.

UDibela uthi bacela wonke umntu ukuba axhase umbutho wabo xa kusiya kunyulo lonyaka ozayo. “Sifuna abanikazi beeteksi, abaqhubi, abakhweli noluntu ngokubanzi, kuba inkululeko yenkampani yeteksi yinkampani yomntu wonke okhoyo elizweni.”

I-ANC ifumene inkxaso emandla kunyulo lukazwelonke ngonyaka ka1994, kodwa iimpawu zangoku zibonisa ukuba ligqabhuke ngemva idladla kulo mbutho kaMandela.