Batshizana ngegazi abahlali kuBeyele eNgcobo

Batshizana ngegazi abahlali kuBeyele eNgcobo betyhola ikomkhulu lakwaMgudlwa ngokuba ngunobangela womlo, uKhulile Lisa (74) lixhoba lokugqibela.

Le ngwevu yaxhaxhwa ngezinkempe, ihlatywa nangencula ngenxa yokungaxhasi usibonda omtsha onyanzeliswa likomkhulu lakwaMgudlwa kubahlali bakuBeyele.

“Andihambisani nesigqibo sokuba usibonda omtsha simxelelwe likomkhulu ukuba izakuba ngubani, andindodwa ke sibaninzi kule nto,” uthethe watsho uLisa.

Uthi wangenelwa ngabahlaseli ezinzulwini zobusuku engalindelanga bamenzakalisa.

“Ikomkhulu lisinika umfo ekuthwa nguZinzisa ukuba abe ngusibonda emva kokuba kubhubhe uGcinisizwe, asifuni lo nto, asinakuxelelwa ngabo ukuba masiphathwe ngubani,” uthethe oko uLisa.

Eli lelinye kumaxhoba angenelwa ngobusuku enyanzelwa ukuba axhase indoda enyanzeliswa likomkhulu. Amaqela amabini alwayo abizwa ngokuba yiMarikana neKomkhulu.

Ngamadoda alishumi elinesithathu abanjwa avalelwa etyholwa ngokubulala umntu, aze avalelwa ngenyanga yoMqungu kulo nyaka.

“Aba babanjwa ngenxa yokuchasa le nto iqhubeka apha, azikho kwa ezo zityholo zokuba babulala umntu, lizakumiswa nangoku eli tyala,” utsho uLisa.

La madoda alishumi elinesithathu ebevele enkundleni ngoLwesithathu wale veki. Abahlali kwelinye icala batyhola amapolisa aseNgcobo ngelithi athengiwe ukuba ahambisane nekomkhulu lakwaMgudlwa.

“Xa ndisiya kumangala emva kokubethwa kwam ndifuna ukunika inkcaza yam, amapolisa andixelela ukuba aza kusebenzisa inkcaza ibithathwe ngamapolisa, abafuna kwamkela eyam inkcaza,” utsho.

Eli xhoba langeniswa esibhedlele saseMonti emva kokuba lalinamanxeba anzulu ngenxa yokuxhaxhwa ngabantu abangaziwayo.

Ukanti othethela ikomkhulu lakwaMgudlwa eNgcobo, uNkosi Sandile Mgudlwa, walile ukuphefumla ngezi zityholo zabahlali.

“Andikwazi kuthetha ngezi zityholo kuba lo mcimbi usezinkundleni zamatyala, ngoko ke akukho nto ndizakuyithetha egameni lekomkhulu,” uthethe watsho uMgudlwa.

Amanye amaxhoba awafumanekanga ukuthetha nanjengoko eseluvalelweni lwamapolisa aseNgcobo. Ngamakhaya alishumi elinesibini avaliweyo kule lali ngenxa yokoyikisela ukuhlaselwa, itsho ingxelo.

Amanye amaxhoba kwabo benzakeleyo abavumi kuthetha kuba besoyikisela impilo zabo, abanye banyanzeleke ukuba bacele uxolo ngenxa yembono zabo.

siyabulela.mqikela@inl.co.za