Baxelele uMasualle besithi makukhululwe uDalindyebo

Inkulumbuso yephondo leMpuma Koloni uPhumulo Masualle umemelele kuluntu ukuba luziqhelanise nendlela ezisebenza ngayo iinkundla, kulandela isikhalo sabahlali baseMthatha sokuba makukhululwe uKumkani uBuyelekhaya Dalindyebo.

UMasualle ebethetha kumsitho wokuthandazela unyulo loomasipala eUltra City eMthatha ngeCawe. Iinjongo zalo mthandazo obubanjelwe eUltra City ibikukubongoza uMdali ukuba azise uzinzo ngethuba lolonyulo, kwaye ubuququzelelwe ziinkosi zemveli nabefundisi bakwalizwi.

Abantu balo mmandla basebenzise eli thuba ukuvakalisa izikhalazo zabo eziquka isimemelelo sokuba kukhululwe ikumkani yabaThembu evalelwe kwintolongo yaseMonti.

“Ndiya velana nabaThembu ngokuvalelwa kwekumkani yabo entolongweni, makuqiniswe ukuthembana ngelithi le meko sizojongana nayo sibambisene. Ndiyalixhasa inyathelo labefundisi lokusingisa epalamente naseLuthuli House becela kukhululwe ikumkani yabo, kodwa masiqaphele ukuba iinkundla zinendlela ezisebenza ngayo ukugweba, kungoko thina njengorhulumente singacela urhulumente aqwalasele ukusebenzisa amagunya akhe angenelele. Lo mba unobuzaza, ubuthathaka uzofuna kudityanwe kumaqonga angawo sibone idlela eya phambili,” kucacisa uMasualle.

UBhishophu Vuyisa Alven Plaatjie uxelele abantu ukuba abaxolanga kukungabikho kwekumkani yabaThembu, kungoko bathatha isigqibo sokubhalela urhulumente okhokhelwa ngumbutho weANC ukuba kuxolelwe ikumkani.

Inkosi yesizwe sabaThembu uNkosi Zwelodumo Mtirara uthe: “Ngalo mthandazo sifuna ukuthandazela ukunyamezelana kuba ulonyulo yinto yosuku olunye. Ukusuka namhlanje masiphume noxolo kungatshiswa izinto zikarhulumente. Sikwafuna kuphunyezwe nesigqibo sokungena kukaAzenathi akhokhele abaThembu.”