Bayabhubha abakhwetha eMpuma Koloni!

Ukusukela oko liqalile ixesha lolwaluko lasebusika kulo nyaka, ngabakhwetha abalishumi elinesine abasele bebhubhile kweli leMpuma Koloni.

Ingxelo yeSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli, ithi oku kwenzeka nangona zikho iinzame zokunqandwa kwale ngxaki.

Othethe egameni leli sebe uMamkeli Ngam, uthi amaqela abo okunqanda intlekele awalali buhlayo, enqanda le ngxaki.

“Singaliqinisekisa eli nani, kodwa ke amaqela wethu athe bhazalala ukungena kwiindawo abakuzo abakhwetha benqanda ukwanda kwale ngxaki. Amaqela onke achaphazelekayo ayasebenza,” utshilo.

Uthi umphathiswa weli sebe uFikile Xasa uhambele iindawo ezigcine abakhwetha eLibode nakwezinye iindawo zephondo. Ingxelo ithi kwaba bakhwetha kukho abathathu abaminyaka ilishumi elinesihlanu kuphela.

“Umthetho unyanzela ukuba kwaluswe umntwana ominyaka ilishumi elinesibhozo, xa engaphantsi koko akavumelekanga ukuba oluke,” ucacise watsho uNgam.

Kwinyanga ephelileyo, uMphathiswa uFikile Xasa ucacisele iiNkosi zeli phondo ngelithi abanalo uxanduva lokunqanda le ngxaki belisebe.

“Okwethu silisebe kukungenelela kuphela xa kuvele ingxaki sincedise, abanikazi besiko ziiNkosi noluntu ngokubanzi, ngabo ekumele ukuba basebenzele ukuqinisekisa ukuba liyaphumelela isiko,” wathetha watsho uXasa.

Ziibhaki zohlobo lwe4X4 ezikhutshwe liSebe lezeMpilo xa bekumiselwa ixesha lasebusika lolwaluko ngeenjongo zokuncedisa ukulwa le ngxaki.

Ethetha egameni leSebe lezeMpilo eMpuma Koloni, uGqr Mthandeki Xhamlashe, uthi ukuselwa kotywala ngamakhwenkwe aza kwaluka kubanika iingxaki.

“Sichitha ixesha elide sisilwa notywala emizimbeni yala makhwenkwe, isiko eli silihoye kudala sele konakele, kungoko sisoloko sikhuthaza ukuba basezwe amanzi,” watsho uXhamlashe.

USihlalo weNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni, uMwelo Nonkonyana, uthi babuhlungu leli nani laba bantwana babhubhele esuthwini.

“Sidandathekile njengabantu abenza eli siko kuba sikholelwa ukuba isiko yinto ephilisayo asiyonto yokubulala abantu,” utsho uNonkonyana.

Uthi abona babhubhileyo ngaba benza eli siko ngendlela ezingekho mthethweni, uthi bonke abayithobelayo imithetho abachaphazeleki.

USekela Mphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli kuzwelonke uObed Bapela, uthi amaphondo weli mawasebenzisane ukulwa iingxaki zabakhwetha.

“Sifumanisa ukuba amaphondo afana neMpuma Koloni axakekiswa ngabantwana abasuka eKapa naseRhawutini beze kwaluka apha, besiza bengayilandelanga imiqathango yomthetho,” utshilo Bapela.