Bayagixa ngengqumbo ‘yobuhlanga’ eClarendon

Kudakancwe elubala izehlo zobuhlanga eClarendon High School for Girls eMonti UMFANEKISO: FACEBOOK

OKUQALE njengesilumkiso sokuba amantombazana afunda eClarendon High School for Girls eMonti mawachule ukunyathela xa ehlomla kumaqonga ezonxibelelwano ingakumbi kwimiba yezobuhlanga, kujike kwayincindi yekhala, amakhosikazi awayefunda eClarendon egixa, ebika “ubuhlanga” kwesi sikolo.

Oku kuza emva kokuba kwiveki ephelileyo esi sikolo sifake ileta kuFacebook waso, apho isivakalisi sokuqala sivulwe kanje: “IClarendon High School sisikolo esisekelwe kwimigaqo nesizinikeleyo ekulweni nezehlo zobuhlanga.”

Esi sivakalisi besihlakulela ukubalula isehlo saseMelika emva kokubulawa komdaka wela lizwe uGeorge Floyd ezandleni zamapolisa amhlophe.

Esi sikolo sikwakhankanye nezehlo zobungqwabalala bamapolisa oMzantsi Afrika kwanobuhlanga obugquba eMzantsi Afrika nakwihlabathi.

Ngokwale mbalelwano ikuFacebook, iClarendon imemelele kubazali nakwabo bajongene namantombazana afunda eClarendon ukuba baqiniseke ukuba abantwana babo bathabatha uxanduva futhi amazwi abo kumaqonga onxibelelwano angqamana nemigaqo yesi sikolo yokubona “uMzantsi Afrika ongenabuhlanga”.

Isuke apho kanye, abo babesaya kufunda kwesi sikolo benomsindo ngale mbalelwano besithi “ayinakuba” yiClarendon le ibhala lo nto.

Omnye ohlomle kule mbalelwano uphawule kanje: “Ndiphumelele imatriki ngo2009 kodwa ndisabona into enye kwezo zinto sasigaxeleka kuzo kwiminyaka elishumi elinanye edlulileyo. Ayiyo le. IClarendon mayenze ngcono. Bancedile wethu ngokubhala le leta, kufike ixesha lokuba eli ziko libhenceke. Sithule ixesha elide.”

Omnye uthe: “Sasilungiselela ukuqala umdlalo womnyazi kwaye omnye wabaqeqeshi wandicela ukuba ndigcine ixesha (lokudlala). Abaqeqeshi babenencokwana bethetha isiXhosa phambi komdlalo. [Utitshalakazi waseClarendon] wayezihambela wabeva ukuba bathetha isiXhosa. [Utitshalakazi waseClarendon] waya kumqeqeshi waseClarendon wamchukumisa ngesinyanzelo ze wathi ‘asiluthethi olo lwimi kwesi sikolo’.”

Omnye ubhale ngolu hlobo: “Kwakungavunywa ukuba sicule amagwijo xa kukho iitumente zezemidlalo kusithiwa ziingoma zetoyitoyi.” Omnye uthe: “Ndikhumbula ngethuba thina mantombazana amnyama sasinyanzelwa ukuba simazi ‘uDank God’ ngentliziyo kodwa amantombazana amhlophe ayenganyanzeliswa ukuba amazi ‘uBawo Wethu’.”

Ngethuba sibhala kule veki, imihlomlo ibingaphaya kwamakhulu asibhozo, nto leyo ethe yanyanzelisa ukuba ibhodi elawula isikolo (SGB) iphendule ngembalelwano.

“Siyiqaphele ngokukhulu ukuxhalaba ingxoxo kuFacebook waseClarendon ephakamise izehlo zobuhlanga nokubukulwa kwesi sikolo. Siyakwamkela oku ngelithi le nyaniso ikrakrayo mayivakaliswe.

“Njengesikolo sichasene nobuhlanga nokubukulwa. Ibhodi yesikolo (SGB) igqibe kwelokuba kusekwe ikomiti yokuphengulula nokubhalwa ngokokutsha kwemigaqonkqubo ze kubekho iqonga lokuqubisana nezehlo zobuhlanga nokubukulana.

“Siza kuthetha noluntu lwaseClarendon ze sicele bonke abazali, amantombazana [esikolo], amantombazana amadala [esi sikolo], kwanoluntu ngokubanzi ukuba lusebenzisane nathi ukwakha isikolo esinokuzingca ngaso sisonke. Sizimisele ukusombulula iinkxalabo eziphakanyisiweyo,” itshilo le bhodi kwimbalelwano.