Bayakhuliswa oonokontraka baseAmathole

Lide lana nasentlango, oonokontraka baseAmathole bebambisene nequmrhu lolwakhiwo lezindlu, uNational Home Builders Registration Council (NHBRC), baqalise iqumrhu elincedisana nabo bonke oonokontraka abasakhasayo bale ngingqi.

Eli qumrhu lithi likruqukile kukubona oonokontraka bale ngingqi bengakhuli, laza laqalisa lo mbutho ukuze uncedisane neenkampani ekukhuliseni isakhono sazo.

Bathi badiniwe kukusoloko kusithiwa bakha izindlu ezingekho mgangathweni, yiyo lo nto beye bacela uNHBRC ukuba abancedise ekuphuculeni izakhono. Bekwakruquke gqitha abaseki beli qumrhu nakukubona iinkampani ezinkulu ezisebenza kule ngingqi zisuka kwamanye amaphondo ngenxa yokuba ezalapha zingahambeli phambili.

Usihlalo weli qumrhu uZongezile Konye uthi, akasayi kuphumla de azibone zonke iinkampani eziphantsi kweli qumrhu zikwibakala lesithandathu (CIDB Grade 6) elinye lamabakala aphezulu okwakha.

Owona msebenzi weNHBRC kukuqinisekisa umsebenzi osulungekileyo ngokuthi likhuphe abacebisi kunye nabahloli bezindlu kwinqanaba ngalinye lokwakhiwa kwezindlu, bekwaqwalasela nexesha elimisiweyo lolwakhiwo. Ukuba ixesha libekiwe, kufuneka iinkampani zilithobele. Bonke oonokontraka bezi ngingqi zilandelayo mabalindele igqiza laseAmathole neNHBRC lisiza kubo, eMnquma, Mbhashe, Great Kei, Amahlathi, Nkonkobe, iNgqushwa kunye neziphaluka. Iqumrhu eli lisebenzisana kakhulu noomasipala bezi ndawo.

Xa isigqeba sisiza kwindawo yakho, kulindeleke ukuba inkampani yakho ibe ibhalisiwe ngokusesikweni, ubenezi mpepha zilandelayo; CIDB, SARS, CK, NHBRC kunye nengcombolo ngenkampani yakho (company profile). “Intsebenziswano yiyo eyakusiphumelelisa.” utsho uZongezile.