‘Bayamosha’ abane abamele iMpuma Koloni kwiBig Brother Mzansi

Isizini yesine yenkqubo kamabonakude iBig Brother Mzansi iquka abantu abane baseMpuma Koloni abamele iphondo. USiphosethu ‘Sammy M’ Mxunyelwa (23), Liyema ‘Liema’ Pantsi (22), Ichumile ‘Meelay’ Nozibele (26) noSinaye Kotobe (24).

Le nkqubo iqale kwinyanga ephelileyo ngeCawe, umhla wamashumi amabini ananye (21) kweyoMqungu. Le sizini inesihloko esithi, ‘S’ya Mosha,’ kwaye ukuza kuthi ga ngoku ibisenza kanye le nto ithethwa ngumxholo wayo – iyamosha.

Ezi nzalelwane zaseMpuma Koloni ziyinxalenye yabantu abathe basematheni ukusukela oko yaqala le nkqubo. ULiema, uSammy M kunye noSinaye basuka eQonce ngelixa uMeelay engowaseMonti.

Liema

ULiyema ‘Liema’ Pantsi. UMFANEKISO: Mzansi Magic/Big Brother Mzansi

Eli gqiyazana lakwaPantsi lithi lingenele le nkqubo kuba lifuna ukonwaba. “Kubomi bam bemihla ngemihla ndinemisebenzi emibini kwaye ndingumfundi, ndizama nje ukufumana amava amatsha, ndonwabe kwaye ndifumane umntu endizoncuma naye,” utshilo uLiema.

Uqhube wathi, “Isicwangciso okanye iqhinga endinalo kukuba ndibe ndim. Ndifuna ukwakha ubudlelwane bokwenyani nabantu.”

Meelay

Ichumile ‘Meelay’ Nozibele. UMFANEKISO: Mzansi Magic/Big Brother Mzansi

Eli gcisa leziqatywa ebusweni (make-up artist) laseMonti lithi ithemba layo kukukhulisa ishishini lakhe. Lo mthandi wezinto zonke zobuhle uthe endlini akayi kuvana nabantu abangoozwi lakhe.

“Andibathandi abantu abacinga ukuba bazi konke, abantu abajongela phantsi abanye okanye abenza abanye bazive bebancinci,” utshilo uMeelay.

Sammy M

USiphosethu ‘Sammy_M’ Mxunyelwa. UMFANEKISO: Mzansi Magic/Big Brother Mzansi

Ethetha ngezizathu zokuba abe kule nkqubo, uSammy M uthi, “Ndilapha kuba eli liqonga elihle lokuqala umsebenzi kwishishini lezolonwabo, ndifuna ukuba ngumsasazi kamabonakude.”

USammy osebenza njengomkhandi wegolide uthi uzibona ephumelela iBig Brother Mzansi kuba unayo into efunekayo ukuze aphume phambili kule nkqubo.

Sinaye

USinaye Kotobe. UMFANEKISO: Mzansi Magic/Big Brother Mzansi

Uthi uya kuba nguSinaye wokwenene endlini kaBig Brother, xa emosha, uya kwenza njalo ngenkathalo. Ethetha ngezizathu zokungenela le nkqubo uthi, “Esona sizathu sokuba ndifune ukuza kwiBig Brother Mzansi ngamathuba eza nawo le nkqubo, ndineshishini lam kwaye nabani na ongumnikazi weshishini uyayazi ukuba ingeniso ayifani ngamanye amaxesha. Nto leyo endenze ndagqiba ekubeni ndize kule nkqubo ukuze ndijonge amathuba eza nawo le nkqubo.”

Le nkqubo imalunga neqela labantu abavela kwiindawo ngeendawo eMzantsi Afrika abahlala kumzi kaBig Brother. Iveki nganye bafumana ithuba lokuzama ukukhupha ukhuphiswano lwabo endlini ngokuvotela abantu abafuna ukubabona begoduka. Ababukeli ke bavotela ukugcina abantu babo abathandayo kuluhlu lwabantu abafumene iivoti ezininzi ukuba bathuthe imithwalo yabo bemke.

Le nkqubo eququzelelwa nguLawrence Maleka idlala kwijelo likaDStv uChannel 198 kwaye ifumaneka iiyure ezingamashumi amabini anesine (24) kwaye le nkqubo kulindeleke ukuba ivale ikhethini kwinyanga ezayo ngomhla wamashumi amathathu ananye (31) kweyoKwindla, apho lowo uphumeleleyo eza kumka nebhaso lezigidi ezibini zeerandi (R2 million).