Ubulewe kuba engabhatalanga oshishina ngokuthengisa umzimba

Isitalato ekubulewe kuso indoda ebithenge oshishina ngomzimba yakugqiba ayabhatala eQuigney eMonti. UMFANEKISO: ABONGILE GINYA

Yindoda eqikelelwa kwiminyaka engamashumi amathathu (30) ebethwa yabhubha emva kokuba ingakhange ibhatale usisi othile othengisa ngomzimba kwizitalato zedolophu yaseMonti.

Ngokwengxelo yosondeleyo kwesi siganeko, le ndoda yathenga omnye woosisi abashishina ngokuthengisa umzimba nabaziwa ngokuba ngoo “Marhosha” ngempela veki esisuka kuyo eQuigney.

Ingxelo ithi ubhuti emva kweemfanelo azifumene kusisi uye akabhatala, usisi lo nowaziwayo igama lakhe leli phephandaba uye wayokubiza oogxa bakhe abangabafana nabatshaya bonke exela ixhoba.

Iqhuba ithi aba bafana baye baya kule ndlu bafika ixhoba lisekhona balinkankatha. Ixhoba lithe sele lisindile lilinde iambulensi babuya kwakhona bamgqibezela wabhubha.

Eli phephandaba lityelele kwesi sitalato ukuqinisekisa ebahlalini ngesi sehlo, bathethile nangona bengavumanga ukuchazwa ngamagama.

Umhlali uthi oku kwenzeke kwisitalato iBurns eQuigney ngempela veki. “La ndlu ikwisitalato iBurns yeyomntu omhlophe, ihlala imigulukudu kwanoomarhosha, bayasebenzisana, kuyatshaywa, akukhonto ingenziwayo kula ndlu.

“Nangoku abakabanjwa siyabazi kodwa akukho lula. Kona imbi into eyenzeka pha, sincediseni ziintatheli ivalwe la ndlu. La mlungu uzakusimoshela abantwana bethu,” utshilo owokuqala umhlali nongafunanga kuchazwa.

Owesibini umhlali ongutata uthe: “Kona kona kuyafuneka xa uthengile ubhatale ngoba ngumsebenzi kubo aba sisi bathi bondla iintsapho zabo nabo.

“Kodwa loo nto ayithethi ukuba bekufanele ukuba bambulale, leyo ayamkelekanga ngekuthethwathethwene. Kona kona zininzi mani sisi izinto ezenzeka kule ndlu eziphelela emoyeni namapolisa ayayazi le ndlu kudala sawabiza,” utshilo umhlali nongafunanga ukuchazwa ngagama.

Usihlalo weQuigney Forum uAnele Mkangelwa, uthi, bebezifumene nabo ezi ngxelo zenzekileyo zibuhlungu kwaye amalungu athile eforam ayile kule ndlu. UMkangelwa uthi kudala bakhala ngalandlu iseBurns, kwaye sele kukhe kwafunyanwa nenqwaba yeziyobisi.

IQuigney Forum ithe gqolo ukwenza umsebenzi oncomekayo kulammandla isilwa ulwaphulo mthetho. Le foram isebenza ngokuzinikela ngaphandle kwenzuzo, eyona njongo iphambili ikukunceda uluntu.

Iinzame zokufumana izihlobo zexhoba zitsho phantsi nanjengoko kusithiwa ebengengomhlali opheleleyo eQuigney ebeze ngozokuzinceda. Akukhange kubekho mhlali uneenkcukacha ezithe vetshe ngexhoba.

Kwimbalelwane eya emapoliseni malunga nokubanjwa kwabarhanelwa njengoko besaziwa ngabahlali, impendulo ibuye isithi akukhange kuvulwe tyala.