Bazakuvela enkundleni ababanjwe neenkomo eziyi-22 ezibiweyo

Bazakuvela enkundleni ababanjwe neenkomo eziyi-22 ezibiweyo.

Abarhanelwa ababini abangamadoda abaneminyaka engamashumi amabini anesithandathu (26) kunye namashumi amathathu anesixhenxe (37) baseMount Frere babanjiwe, kuquka nowasetyhini onamashumi amahlanu anesithathu (53) kwaye babekwe ityala lokuba nemfuyo ekurhaneleka ukuba ibiwe. Ukubanjwa kwabo kwenzeke ngoMvulo, umhla we-29 kweyoMqungu ka2024 malunga nentsimbi ye-16:30, emva kokuba amapolisa efumene ulwazi kuluntu malunga neloli ebithwele iinkomo ekurhaneleka ukuba zibiwe zisingise eMthatha.

Isithethi samapolisa uCaptain Welile Matyolo uthi amalungu eDistrict Task Team asebenze ngokukhawuleza aleqa ukuya kwindawo ekufumaniswe ikuyo le loli apho ebithwele iinkomo ezingamashumi amabini anesibini (22). Baye bayimisa kuhola wendlela uN2 eNgqwala, ngaseVidgesville ngaphandle kwaseMthatha.

“Ngeli xesha kusaqinisekiswa amaxwebhu, obezibiza ngomnikazi wezinkomo obelandela iloli, ukhawuleze wafika wazolatha iinkomo ebezixelwe emapoliseni njengezilahlekileyo eMount Frere,” utshilo uMatyolo.

Kuthiwa amapolisa enze uphando emva koko abizela lo wasetyhini obezingomba isifuba esithi ungumnikazi wezinkomo kwisikhululo samapolisa eMthatha nalapho amapolisa agqogqa imoto yakhe oluhlobo lweBakkie ye-Isuzu kwaza kwafunyanwa ithole emva kwesitulo somkhweli sangaphambili.

Esi sithathu sizakuvela kwinkundla kamantyi eMthatha kungekudala.