Lidutyulwe labhubha ipolisakazi lilinde uncedo

Amapolisa aseMpuma Koloni aphanda ngetyala lokubulala kwanelokuzama ukubulala emva kokuba kuthe kolohlaselo kwadutyulwa kwabhubha owasetyhini obelipolisa kwisikhululo saseKidds Beach eMonti, ze kwabhubha nomqhubi wemoto, ona amanye amapolisa amabini asinda.

Ingxelo ephuma emapoliseni ithi, esi siganeko sohlaselo lwabomthetho senzeke emva kwentsimbi yesihlanu malanga ngeCawa ngempelaveki. Apho imoto yamapolisa iye yabanengxaki eSettlers Way eWest Bank eMonti, bathe besalinde oogxa babo abasuka kwisikhululo saseKidds Beach, kafika imoto engaziwayo nebibanceda yathi mababe behlala kwimoto logama kusazanywa uncedo.

ULieutenant Colonel Siphokazi Mawisa uthi kusalindiwe njalo kufike imoto eluhlobo lweBMW eye yamisa ngakubo ayabuza yabe sele ithulula idubula nekuye kwabhubha eli polisakazi (38) kwakunye nomqhubi (50), logama uSergeant noConstable baye basinda ababinawo nomkrwelo.

UMawisa uthi okwangoku akukabanjwa mntu kwaye nonobangela woku awukaziwa njengoko kusaphandwa.

UMkomishinala eMpuma Koloni uLieutenant General Nomthetheleli Mene udlulise amazwi ovelwano kuzo zonke iintsapho eziphulukene namalungu azo kwesi siganeko.

UMene uthi oku kumkhumbuze ukuba amapolisa ajongana nobungozi umhla nezolo. Ubongoze uluntu ekubeni lusebenzisane namapolisa ukuza nolwazi ukuze kubanjwe abarhanelwa.