Yinto ekhethekileyo ukubetha iMorocco, utsho uHugo Broos

Akawuvali umlomo uHugo Broos emva kokuba aBafana Bafana bezuze impumelelo ebalulekileyo izolo. UMzantsi Afrika ungene ngevotsho kumjikelo olandelayo weAfrican Cup of Nations emva kokuba ubethe iMorocco ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni obuseSan-Pedro. Nangona iMorocco ibibonwa njengelinye lamazwe anokuthatha indebe kulo nyaka emva kokuqhuba kakuhle kwiFifa World Cup ebiseQatar ngo2022 – kodwa yoyisiwe kukubetha uMzantsi Afrika. Umsebenzi owenziwe liqela lesizwe lebhola ekhatywayo uqhwatyelwe izandla ngabantu abaninzi kumasi onxibelelwano.

Emva kokuba kuphele isiqingatha sokuqala kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini – izinto ziye zaguquka kwisigaba sesibini. ABafana Bafana banyuse igiya bafumana igowuli elifakwe nguEvidence Makgopa kwangoko kwisigaba sesibini. Bazamile ukuhlasela abadlali beMorocco bekhangela igowuli lokulinganisa. Ifumene ipenela iMorocco eyinike ithuba lokubuyela emdlalweni – kodwa ngelishwa layo, ibhola ibethe epalini yaqabela ngaphezulu. UMthobi Mvala noGrant Kekana bavale kwa nto emva koko sele ixesha liphela.

Igowuli lesibini lifakwe nguTeboho Mokoena emva kokuba ewiswe phantsi kufuphi nomhlaba kanozinti. Ngalo ndlela, iMorocco iye yaphuma kwiAfcon eqhubekayo e-Ivory Coast. Umqeqeshi waBafana Bafana uvakalise uchulumanco olukhulu watsho echaza ukubetha kwakhe iMorocco okwesibini njengento ekhethekileyo kakhulu. “Andiqondi ukuba kufuneka ndinixelele indlela endonwabe ngayo. Ndichulumance gqithi,” utshilo uBroos emva komdlalo ethetha neentatheli eSan Pedro.

“Siyibethile iMorocco. Ukuyibetha kwethu akukho ngokuba sisiya kumjikelo olandelayo weAfcon. Ukubetha iqela elifana neMorocco yinto ekhethekileyo kakhulu. Besidlala neqela elisemgangathweni ophezulu, qha sincedwe kukuzilungiselela kakuhle. Umdlalo ububambene kwisigaba sokuqala ngoba amaqela ebesoyikana. Kwisigaba sesibini umdlalo uye wavuleka. Ndonwabe kakhulu,” utshilo uBroos. ABafana Bafana baza kudibana neCape Verde emdlalweni olandelayo ngoMgqibelo.