Babhalisele ukuvota abasezintolongweni

Amabanjwa aseMzantsi Afrika abhalisela ukuvota. UMFANEKISO: Dudu Zitha. © ST.

Iqale ngaphandle kwengxaki inkqubo yokubhalisela ukuvota kwabo baseluvalelweni kwiintolongo zelizwe loMzantsi Afrika. UMphathiswa wesebe lezoluleko kweli uRonald Malola ukhokele igqiza lesebe lakhe elijikeleza kwiintolongo zeli beqinisekisa ukuba bayabhalisa oonyana neentombi zeli ezisezintolongweni.

Ongumlawuli kwiKomishini ezimeleyo yonyulo kweli uSy Mamabolo uthi ngenene amagosa wakhe akulungele ukwenza lo msebenzi.

“Kwintolongo nganye kweli siqinisekise ukuba bayabhaliswa abantu abangaphakathi ezintolongweni, oku kuqhuba kakuhle ukusukela izolo,” ucacise watsho uMamabolo.

Ukusukela oko kwaqala intando yesininzi kweli, abo baseluvalelweni banikwa ithuba lokuba babhalisele ukuvota ukuze bakwazi nabo ukuvota.

“Intsebenziswano yethu nesebe lezobulungisa kweli ibangele ukuba yonke into yenzeke ngendlela, ukhuseleko lamagosa nezinye ziqhube kakuhle ukuza kuma ngoku,” utsho uMamabolo.

Uhambisa athi abo baseluvalelweni banelungelo lokuba bakhethe imibutho abayithandayo ukuba ibalawule.

Usekela Mphathiswa wesebe lezobulungisa kweli uNkosi Phathekile Holomisa uthi benza konke nabo kwelabo icala ukuqinisekisa ukuba abo baseluvalelweni bathatha inxaxheba kulo nyulo oluzayo.

“Siye sicele iintsapho zabo ukuba zize ngaphambili nezazisi zabo, kaloku xa bebhalise ukuvota kufuneka ukuba babebeziphethe esandleni izazisi zabo,” kutsho uHolomisa.

Ilizwe loMzantsi Afrika libalwa kumazwe aneentolongo ezizele kakhulu xa zithelekiswa neentolongo zamanye amazwe ehlabathi.