Wathandeni, ayazibulala amadoda kweli

Iingcali zempilo yengqondo kweli zingqinelana nokuba amadoda anezinga eliphezulu lokuzibulala ngenxa yeengxaki ajongene nazo. Xa kuthelekiswa amanani wamanina azibulalayo, kufunyaniswa ukuba ambalwa amanina azibulala ngenxa yeengxaki ajongana nazo.

Ilizwe loMzantsi Afrika lijongene nengxaki ekuthiwa kukubulawa kwamanina nabantwana bebulawa ngoogxa babo abangamadoda. Ukunyuka kwezinga lokuzibulala kwamadoda kubonakalisa ukuba amadoda agcina iingxaki, uxinzelelo neentlungu adibana nazo ngelizama ukuziqinisa.

Indlela akhuliswa ngayo amadoda kweli ikhuthaza ukuba indoda ayikhali, uninzi lukholelwa ukuba ukungakhali kwendoda luphawu lokuba indoda leyo yomelele.

Zininzi iingxaki zentlalo, ezezimali nezopolitiko ezibangela uxinzelelo olumandla kubantu bonke kweli kuquka namadoda.

Indibanisela yeengcali ithi makuvulwe amaqonga apho amadoda azakuxoxa ngeengxaki zawo ngokukhululekileyo ukuze akwamkele ukuba kukho isisombululo emva kwengxaki.

Ezingcali zithi makukhangelwe oonobangela bokuba amadoda azibulale okanye achaphazeleke kwiziganeko zokubulawa kwamanina nabantwana. Ukuphela kwemisebenzi kubangela ukuba amadoda angakwazi ukondla iintsapho zawo.

Ukungakwazi ukondla iintsapho zawo kubangela ukuba amadoda aphelelwe lithemba akubone ukufa kusisisombululo.

Ukuvuselelwa kobuntu kwintlalo, emakhaya nasemisebenzini kunganceda ukuba amadoda ahlukane nokuzibulala ngenxa yeengxaki ajongene nazo.

Oku kungenza ukuba amadoda akwamkele ukungabinazo izinto azidingayo, akwamkele ukuba ingxaki ingakhona ebomini, kodwa iyagqitha ingxaki.

Ukuvalela iingxaki ngaphakathi kwenza ukuba amadoda angakwazi ukufunda izinto ezingaphandle, ezifana nokuba iingxaki anazo ziyafana nezabanye abantu.

Ukungaphandwa kakuhle kwamatyala okubangela ukuba amanye amadoda azibone engena eziseleni kunegalelo lokuba amadoda alahlekelwe lithemba. Ngoko kubalulekile ukuba ezobulungisa kweli zidlale indima ecacileyo ngokuphandwa kwamatyala ngendlela eyiyo.

Iingxaki zothando zezinye ezidlala indima enkulu kwinzima ezibangela ukuzibulala kwamadoda eMzantsi Afrika. Ngenxa yamakhasi onxibelwano nezinye izixhobo, imicimbi yothando lwababini yaziwa sisininzi. Oku kutsala izinto ezininzi ezibangela iingxaki zokungavani kwizithandwa ezo, kwaye amadoda asoloko engalwamkeli utshintsho.

Ukuba wena okanye umntu omaziyo ufuna ukuzibulala, unokuthetha nomntu ngokutsalela umnxeba kwiSuicide Crisis Line 0800 567 567. Ifumaneka iiyure ezingama-24 kwaye uncedo lufumaneka ngazo zonke iilwimi ezilishumi elinanye ezisemthethweni zaseMzantsi Afrika.