‘BendineKhorona, ngoku ndiphile qete’

UNcebakazi Willie waseFameni eXhorha uzilolonge wayohlula intsholongwane yeKhorona UMFANEKISO: Facebook

Intwazana yaseFameni eXhorha, uNcebakazi Willie (27), uthi ukufunyaniswa enentsholongwane yeKhorona kukhe kwamenza woyika kakhulu ngobomi bakhe kodwa ukulandela imiqathango yokuqubisana nale ntsholongwane kuko okumenze wasinda kuyo.

UWillie ugaleleke kweli lizwe ngomhla weshumi elinesithoba kweyoKwindla esuka eItaly, ilizwe elixhomisa amehlo ngenxa yenani labosulelekileyo kwanabo babhubhileyo.

Ebalisela I’solezwe lesiXhosa kule veki, uWillie uthe: “Ndisebenza kwenye yeenqanawe ezakhe zankulu kwihlabathi jikelele eItaly. Inkampani iye yasikhulula ngenxa yale ntsholongwane. Ndikhwele inqwelomoya esuka eItaly safika eKapa, emva koko sakhwela eya eMonti ngomhla weshumi elinesithoba. Ndithathe iteksi eya eXhorha ndabe sele ndisenza iinzame zokuba ndiye esibhedlele eMadwaleni eXhorha.”

“EMadwaleni ndacela ukuba ndihlaliswe phaya ngenxa yokuba ndandisoyika ukusulela abantu basekhaya. Ndiye ndahlala eMadwaleni, emva kweentsuku ezintlanu zafika iziphumo ezithi ndinentsholongwane yeKhorona. Bendothukile kodwa ndiye ndathandaza,” kutsho uWillie.

Uthi iintsuku zakhe zokuqala emva kokufumana esi sifo bezingelulanga.

“Bendifumana imibuzo efana nethi ‘bekubuhlungu phi’ okanye ‘linjani ichiza’. Zininzi izinto ezithethwe ngam, abanye besithi ndibaphathele iKhorona ndisuka nayo eItaly, abanye besithi mandibulawe. Into endincedileyo kukuhlala ndinethemba.

“Bendingenazo kwa-iimpawu. Akukho chiza ndilisebenzisileyo, bendisela amanzi ashushu. Ndiye ndazifundisa ngale ntsholongwane, ndabona ukuba kuthwa ihlala empumlweni nasemqaleni iintsuku ezine, emva koko ihlasele imiphunga yakho kwaye kulapho kubanzima, ufumanise ukuba umntu kunzima ukuphefumla.

“Ndiqhubile ndizilolonga, ndisela amanzi ashushu. Umhlobo wam uye wandiphathela ijinja, igaliki, ipepile (cayenne) nelamuni. Ndisele la mxube ukusukela kusuku lwesibhozo ndihleli esibhedlele. Ngosuku lweshumi elinanye ndiye ndavavanywa kwakhona, zeza iziphumo ngosuku lweshumi elinesine,” utshilo uWillie.

UWillie ukwakhalimele isibhedlele saseMadwaleni ngokungabinamfihlo yezigulana, watsho ebulela uluntu ngokumxhasa ngethuba equbisana nale ntsholongwane.

“Akukho mfihlo kwisibhedlele saseMadwaleni kuba phambi kokuba ndifumane iziphumo zam, kwakusele kuthe ndi ukuba mna ndineKhorona.

“Into endingayitsho kukuba likhona ithemba. Ndiyayazi ukuba abantu bayoyika, kodwa xa ulandela imithetho emisiweyo yonke into ingenzeka. Yitya ukutya okunesondlo, uhlale endlini, usele izinto ezidlamkisa amajoni omzimba futhi uhlambe izandla zakho rhoqo.

“Ngoku ndiphile qete, andisenayo iKhorona. Ndibulela bonke abantu abandixhasileyo kuquka uMnu. Mlibo Qoboshiyane, ooMnu. Ace Ncobo nabanye, lude uluhlu,” utshilo uWillie.

Kusenjalo, abasemagunyeni kwezempilo baqalisile ngokuvavanya abantu baseFameni, batsho besithi babafumene bonke abantu abathe basondelelana noWillie.