Ebezama ukuzikhusela kwikhorona, ‘sala’ isibhedlele!

UMONGIKAZI waseLife St Dominics eMonti, ucele ukuba akhe ayozihlalela kowabo emva kokuqaphela ukuba isigulana athe wasondelelana naso sinentsholongwane yeKhorona, kodwa isibhedlele siye “samalela” sathi makaqhube nomsebenzi.

Le ngcamango yalo mongikazi, nengakhange yamkelwe ngabasemagunyeni eLife St Dominics, iza emva kokuba lo mongikazi ezazi ukuba “angasemngciphekweni” ngenxa yesigulo ebekhe wanaso ngaphambili.

Usapho lwalo mongikazi lubanga ngelithi iziphathimandla zesibhedlele zala ukuba lo mongikazi ayokuhlala ekhayeni, zathi makaqhube asebenze noxa nje isigulana ebesondelelene naso sinentsholongwane yeKhorona. Akukhange kudlule ntsuku zingephi, lo mongikazi waneempawu zeKhorona. Uye kuvavanyo kwiveki ephelileyo, iziphumo zabuya zisithi unentsholongwane yeKhorona.

Usapho lwalo mongikazi, osesibhedlele esilwela ubomi bakhe sibhala nje, lubanga ngelithi ingcaciso yeLife St Dominics, ngokwemibandela yokhuseleko lwabasebenzi, ayibonelisi.

“Khange bakhathale kwasekuqaleni. Umama ngumntu ebendisoloko ndimsa emsebenzini kuba uphangela ebusuku. Ngenye imini umama ufumene umnxeba kugxa wakhe embuza ukuba ingaba ukhe wadibana kusini na nesigulana esithile.

“Ngaloo mini umama noogxa bakhe babizelwa kwigumbi elijongene nezabasebenzi (HR), baxelelwa ngesigulana abebesondelelene naso esifunyenwe sinentsholongwane yeKhorona.

“Emva koko babuzwe imibuzo ngokusondelelana kwabo nesi sigulana. Emva kwalo mibuzo umama ucele ukugoduka kuba uhleli enaso isigulo awakhe wanaso esimenza abesemngciphekweni ukodlula abanye, kodwa sala isibhedlele sathi makaqhube nomsebenzi wakhe,” kutsho unyana walo mongikazi, nocele ukuba lingapapashwa igama lakhe.

Kwiintsukwana nje emva kokuba bebuzwe le mibuzo, olu sapho luthi lo msebenzi uqale ukubonakalisa iimpawu zentsholongwane yeKhorona. Wayokuvavanywa wafunyaniswa ukuba unayo ngenene le ntsholongwane.

“Isibhedlele sithi sathatha ingcaphephe yezifo ezosulelayo, sathi umzali wethu akekho semngciphekweni. Njani kodwa umzali ebebaxelele ukuba angasemngciphekweni futhi wacela ukukhe ayokuhlala ekhayeni?” kubuza unyana walo mongikazi.

Usapho lwalo mongikazi luzivavanyile nalo, kodwa ngethuba sibhala eli nqaku belisalindele iziphumo.

Ukuphendula, iLife Healthcare Group iwaphikile la mabango. UGqirha Charl van Loggerenberg, umanejala jikelele kuNyango oluNgxamisekileyo eLife Healthcare uthi ukhuseleko lwezigulana nabasebenzi babo bakuthathele ingqalelo.

“Abasebenzi abanezigulo eziqhubekayo (chronic) kufuneka baxelele abasemagunyeni ukuze babekwe kwiindawo ezingabangela ukuba bangabikho semngciphekweni wokufumana iCOVID-19 besemsebenzini, futhi kufuneka bazithathele ingqalelo nakwiindawo abahlala kuzo. Xa (umsebenzi) engakwenzanga oko, kunzima ukuphefumla kuhlolo lokuba akekho semngciphekweni.

“Imigqaliselo esiyimiseleyo iquka imfundiso yokuzikhusela emakhaya, apho usuleleko luvame khona, kwanasemsebenzini,” utshilo uVan Loggerenberg.

UVan Loggerenberg uthi bonke abantu bayahlolwa xa bengena kwizibhedlele zaseLife Healthcare ukujonga iimpawu zeKhorona.

Ukwathe: “Izixhobo zokhuseleko zikhutshiwe kubo bonke abasebenzi ze baqeqeshwa ngendlela yokuzisebenzisa. Ukungasondelelani yinto esisinyanzelo kuzo zonke izibhedlele zeLife Healthcare,” utshilo uVan Loggerenberg, ekwathi ukuhlolwa kwabasebenzi babo abathe basondelelana nabo baneKhorona kuyaqhutywa futhi banciphise kwaneeyure zotyelelo.