Faka umbongo ngolwimi lwakho kwaAvbob!

Iimbongi eziwine kunyaka ophelileyo :Simphiwe Nolutshungu ( isiXhosa), Jaco Fouche ( English), Halalisile Mkhize ( isiZulu), Lucas Tjokane (Sesotho), Thatayaore Dire ( SeTswane), Kgabo Sebatjane (Sepedi), Matodzi Magoro (Tshivenda), Mfana Skhosana ( IsiNdebele), Nokukhanya Mahlalela ( Siswati), Patrick Khosa (Xitsonga), no Tom Dreyer ( Afrikaans).

Iimbongi zalwimi zonke zinikwa ithuba lokuphumelela ibhaso eliphezulu kukhuphiswano oluxhaswa yinkampani uAvbob.


OnguMhleli oyiNtloko kule nkampani, uJohann de Lange, uthi uncwadi lwemibongo luthande ukukhula eMzantsi Afrika nakwiindawo ezikumazwekazi afana noMntla Melika kunye neBritane.


“Isibhalo semibongo siyakhula kakhulu, kukho uninzi lwababhali abatsha kwakunye namagqala. Yaye sikwanika ababhali amathuba okupapashelwa imisebenzi yabo kumaqonga ngamaqonga logama bekwagxoth’ ikati eziko,” u-de Lange uchazele I’solezwe.


“Intengo yeencwadi inyukile kwaye zipapashwa minyaka le. Kwandile ukubhalwa kwesihobe kumnatha weintanethi kwaye ezinye iisaythi zihlawula imali ethe xaxe ngemibongo ezithi ziyisebenzise. Ukanti eminye imizi yopapasho nayo ikhupha intywenka yemali emabhasweni xa ibambe ukhuphiswano, maxa wambi iphela ibathatha abo babhali basebenze phantsi kwephiko labo. Iimbongi zosiba zinakho ukuntinga zibhalele amazwe ezingahlali kuwo,” utyatyadula atsho u-de Lange.


Kutsha nje umbhali wesibhulu uNini Bennett ukhe wahlomla kwiqonga elipapasha isibhalo kunye nemibongo (www.versindaba.co.za) – esithi wothuswe yinto ukuba umzi wopapasho wasekhay’apha, iNaledi Publishers, akwazi ukupapasha iincwadi ezili-13 nangona uqoqosho lwelizwe lushwabene. Uthi oku kubonisa ukuba ngenene isibhalo semibongo siyakhula.


Ukhuphiswano lweAVBOB Poetry luyakhula

Indlela eluthakazelelwe ngayo olu khuphiswano inike umdla kakhulu, sukela oko luqaliswe ngowama2017 sele ingama-6000 ababhali abathe bathatha inxaxheba befaka ngaphezu kwama-20 emibongo. Ngowama 2018 ibe ngama11 400 yababhali abathe bafaka imibongo engama 29 000. 

Ngoku nali ithuba wena mbhali wemibongo ufake wakho ngolwimi lwakho ngokuthi uchwechwele kumnatha ongu: www.avbobpoetry.co.za.

Zolishumi elinanye iilwimi zoMzansti Afrika zamkelekile, ophumelele icandelo ngalinye uya kuthiwa jize ngeR10,000 kunye nevoucher yokuthenga iincwadi exabisa  R2 500.


Ukanti ukuba umbongo uthe wapapashwa kwi website yakwaAvbob uyakufumana iR300.

Ngenela ngoku ngokuthi utyelele abakwa www.avbobpoetry.co.za .

Ukhuphiswano luvalwa ngomhla wama30 kuNovemba 2019.