Ibanjiwe indoda enqunqe umzimba wesithandwa sayo yawufaka kwifriza

Amalungu osapho lukaBusisiwe Mthethwa, 56, bawufumene umzimba wakhe unqunqwe wafakwa kwifriza kwikhaya lakhe eSamora Machel. Umfanekiso: Uthunyelwe

Indoda etyholwa ngokubulala isithandwa sayo yaze yafaka umzimba waso kwifriza yajamela umtshutshisi ngethuba efunda ngendlela efunyanwe ngayo le nkosikazi.

UBrian Miripiri ubanjwe ngoMgqibelo emva kokuba amapolisa nosapho lukaBusisiwe Mthethwa, 56, efumene umzimba wakhe unqunqwe kwifriza kwikhaya lakhe eSamora Machel.

Emva koko kuthiwa uye wagoduka nenye inkosikazi walala nayo.

Ixhoba lagqityelwa ukubonwa kwiintsuku ezimbini phambi kokuba kubanjwe le ndoda.

Kuthiwa uMiripiri uxelele abantu abakufutshane noBusisiwe ukuba uBusisiwe ugqibe kwelokuba aye eMpuma Koloni.

Izalamane zikaBusisiwe zaziswe ngummelwane ukuba umtyholwa uthengisa izinto zakhe.

“Xa sifika pha, ityotyombe lalitshixiwe. Abantu bathi khange bambone imini yonke ngoLwesihlanu, kodwa wathi uBusisiwe uhambe ngentsimbi yesixhenxe ngorhatya (7pm).

“UBrian wayekwishibhini yasekuhlaleni ukufika kwethu. Ndifowunele izalamane zethu eMpuma Koloni wabe engekho uBusisiwe. Ayizange indiphathe kakuhle le nto, ndiye ndabuyela kwaBusisiwe, wabe uBrian engekabikho.”

Esi sizalwane sithi baye emapoliseni bacela ukukhatshwa.

“Sithe xa sifika sambona endleleni, amapolisa athi makavule icango. Ekhitshini, safumana imela yaye ikhitshi yayinezinto ezithe saa. Ndeva udadewethu ekhwaza esithi kukho igazi kwiikhethini.

“Simbuzile ukuba uphi uBusisiwe wathi useBlackheath. Besiyazi ukuba bubuxoki ngoba ebengasoze aye ndawo engasixelelanga.

“Umntakwethu waphawula ukuba kukho izinto ezifumbileyo ngaphakathi kwifriza. Uthe xa esusa eyona nto inzima wabona uBusisiwe engaphakathi.”

Amalungu osapho lukaBusisiwe Mthethwa, 56, bawufumene umzimba wakhe unqunqwe wafakwa kwifriza kwikhaya lakhe eSamora Machel. Umfanekiso: Uthunyelwe

UMiripiri wakhetha igqwetha laseLegal Aid ukuba limmele.

Umbuso uthe: “Ubekwa ityala lokubulala phantsi kweShedyuli yesihlanu (Schedule 5). Ngomhla wamashumi amathathu (30) kweyoMnga, amapolisa aya kwikhaya lexhoba elibhubhileyo, isithandwa sakhe, nanjengoko usapho lwabika ukuba ulahlekile. Kweli khaya bafumana umtyholwa.

“Amapolisa ebeye kwindawo yexhwayelo athi ibingathi bekusiliwa. Uxelele amapolisa ukuba uneentsuku ezimbini engamboni. Bafumene umzimba wexhoba kwifriza. Emva koko wabanjwa. Umbuso akanalo ulwazi ngebheyile.”

Usihlalo weforam yaseSamora Machel, uJacky Samuels, uthi esi sehlo simshiye enomsindo.

“Ndinomsindo kwaye ndikhathazeke kakhulu. Siza kufumana uxwebhu lwezikhalazo kwaye siye enkundleni. Khange siye izolo kuba umcuphi khange axelele usapho ngokuvela kwakhe.

“Wayezolile xa ebuzwa ukuba uphi. Waxoka. Uhambe wayothatha enye inkosikazi walala nayo egumbini elinye, kwakula tyotyombe. Kuya kude kube nini abafazi bebandezeleka ezandleni zamadoda?”

Isithethi samapolisa uFC van Wyk uthi amalungu abo, ekhatshwa ngamalungu osapho, baye kwisikhalazo somntu olahlekileyo kwindlu ekwisitalato iJeff Masemola, apho isoka lexhoba lalihleli lodwa.

“Ipolisa lagqogqa indlu laza lafumana umzimba wexhoba kwifriza.”

Eli bali liqale lavela kwiphephandaba iCape Argus.