Zinika umdla ezopolitiko kulo nyaka

Ukusungulwa kombutho omtsha kaJacob Zuma obizwa ngokuba nguMkhonto WeSizwe (MK) ungenelela kwimeko yezopolitiko enika umdla ngenxa yolonyulo oluzayo.

Ulonyulo oluzakubanjwa kweli kulo nyaka ka2024, lizakunika umdla ngeendlela ezininzi. Kulindeleke ukuba olu lonyulo luguqule indlela ekudlalwa ngayo kwibala lemidlalo yezopolitiko kweli.

Oku kuthetha ukuba azakuphunguka ngamandla amandla wombutho olawulayo iANC, logama imibutho emincinci izakufumana ithuba lokunabisa iimpiko zayo.

Ukufika kombutho omtsha iMK kaJacob Zuma kulindeleke ukuba kuthene ngamandla ubunganga bombutho weANC. Ngaphandle kwamathandabuzo amandla walo mbutho sele ebonakala kwiphondo laseRhawutini, Mpumalanga naseKZN.

Iphondo laseKZN lelona lizakudlakazwa ngamandla yimibutho yezopolitiko ikhangela amandla okuphatha elaphondo. Inkatha Freedom Party (IFP) iwubhinqe wamncinci isebenzisa onke amandla ayo izama ukuqinisekisa ukuba ithabathela kuyo iphondo laseKZN. Kwelinye icala umbutho weDA ukwiphulo lokwandisa ubunganga bawo ngokukhulisa amandla wawo kwela phondo laseKZN.

UJacob Zuma yena unenkxaso ecacileyo kwela phondo ngaphandle kwamathandabuzo ngokolwazi oluvele emva kokuba edize ukuba usungule umbutho.

Konke oku kwenzeka logama umbutho olawulayo ujongene neengxaki zokushiywa ngamagqala afana noMavuso Msimang. Ukungazinzi okudala kukho kwiANC sisibetho sokugqibela ekulindeleke ukuba kuvule ithuba elihle lokuba lombutho ulahlekelwe ngamandla.

Iimeko zentlalo ezenze ukuba abantu bagqibe unyaka ka2023 bengaxolanga nazo zinegalelo kwizigqibo zabavoti. Kaloku abavoti bavale unyaka bekhala ngemeko yokunqongophala kwemisebenzi, iinkonzo zoomasipala ezingekhoyo, ukucima kombane, ulwaphulo mthetho nezinye iingxaki.

Kwelinye icala, kukho iqela lemibutho yezopolitiko exakeke kukuqinisa iqulo layo elijoliswe ukususa umbutho olawulayo. Kudala kusithiwa uzakususwa umbutho olawulayo, kodwa kungenzeki okanye kungabi lula.

Kwesi sihlandlo kubonakala ngathi umbutho weANC uphelelwe ngamahlathi, bayakuncedwa kukwenza ubusela beevoti ukuze baphumelele.

Khumbula ukuba imibutho elwele inkululeko eAfrika inembali yokungafuni kuphuma elulawulweni nokuba ixesha layo liphelile. Basebenzisa inkqubo yolonyulo ukuthethelela imikhuba nobusela babo, lo gama bekwasebenzisa amagosa aneezimvo zopolitiko ezihambelana nabo.

Kukho iingxelo zokuba umbutho weMK sele unabaxhasi okanye abalandeli abangaphezu kwesigidi ngokwamanani kumakhasi onxibelelwano, oko kuthetha lukhulu.

Inene nenyaniso kukuba uJacob Zuma uyamanyelwa ngabo bakholelwa kuye, kwaye balungele nokubanjwa ngenxa yokuthanda yena. Into elindelekileyo kukuva okanye ukubona ukuba ingaba umbutho weMK unayo na inkxaso kwamanye amaphondo.

Izityholo ezininzi ezilandela uMongameli uCyril Ramaphosa zezinye zezizathu ezizakufuthela amalinge wenguqu kwezopolitiko. EMzantsi Afrika, eBotswana naseNamibia kulindeleke ukuba kwenziwe utshintsho ngokuvotela uRhulumente omtsha.