Iinzima zamafama kwihlabathi

Iimeko ezininzi ezahlukeneyo eziquka imozulu, imfazwe, amaxabiso weoyile nezinye zibenze nzima kakhulu ubomi kunyaka ophelileyo u2023. Oku kuthetha ukuba azakuqina okanye azakushiya amafama amaninzi kwihlabathi esiya kuchitha iimali zawo kweminye imikhakha yoshishino.

Iingxaki eziquka ukumnka kombane kweli loMzantsi Afrika zifudunyezwe ziingxaki eziquka ukuvalelwa kwezikhephe ezithwele imithwalo kulwandle laseRed Sea.

Iimeko zemozulu eguqukayo zitshabalalise iziseko ezininzi kwiifama ezahlukeneyo kwihlabathi. Ngaphandle koko amafama alahlekelwe yimveliso eninzi ngenxa yemozulu ezingaqhelekanga.

Kunjalo, uninzi lamafama ehlabathi ajijisana nezifo ezibulala izityalo kwakunye nemfuyo. Alikho okanye alungako uncedo olufunyanwa ngamafama olusuka kooRhulumente bamazwe abo.

Imithetho emiselwa ngooRhulumente behlabathi ibangela ubunzima kwindlela ekuthengiswa ngayo uninzi lezixhobo ezifunwa ngamafama. Kudala kuxoxwa ngamacebo okuzinzisa ixabiso lezichumisi kwihlabathi, konke akwenzeki ngenxa yemithetho.

Imfazwe eqhubeka phakathi kwelizwe laseUkraine neRashiya igalele ityiwa enxebeni kubunzima amafama ajongene nabo kwihlabathi. Iqikelelwa kumakhulu amathathu ezigidi zeedola zaseMelika ilahleko efunyenwe ngamafama kwihlabathi kwimikhakha eyahlukeneyo.

Ingxelo ekhutshwe yiSoil Association kwihlabathi ithi izandyondyo zemvula ezingalawulekiyo kwihlabathi zikhukhulise umhlaba omninzi. Oku kushiye amafama noxanduva lokuba achithe imali ekhangela amacebo okutyebisa umhlaba kwakho.

Imililo yamadlelo itshise umhlaba omkhulu kakhulu kwiindawo ezahlukeneyo zehlabathi, oku kushiye amafama engenazo iindawo zokutyisa imfuyo.

Kumazwe aseYuropu, Mantla nakumazantsi weAfrika nakumantla weMelika amafama athwaxeke kanobom yimililo. Ilizwe laseCanada lichaze ukuba ngumhlaba okumashumi amabini ezigidi zeehektare othe watsha kwelalizwe ngenxa yemililo yamadlelo. Ngamashumi amahlanu weefama ezithe zachatshazelwa yile ntlekele ngenxa yomlilo.

Ziziganeko zomlilo ezingaphezu kwamakhulu amathandathu ezithe zenzeka kwelalizwe laseCanada ngonyaka ka2023. Amazwe ehlabathi kwezolimo aphumelela ngenxa yokusebenzisana nokurhwebelana ngeemveliso zolimo.

Amasimi weswekile eZimbabwe atshe ngumlilo obangele ukuba kubenzima kumafama ukuba akwazi ukuqala ukulima kwakho. Oku kuthetha ukuba amafama angena kunyaka ka2024 erhuqa imithwalo enzima ebangelwe ziimeko zendalo, ezopolitiko nemfazwe ngoku njalo.