IBavu TV esasaza kuFacebook

Obesakuba ngumsasazi weUCR FM uNkosomzi Bavu uvule iBavu TV yokuxela amabali wabo bahlelelekileyo

IQALE njengeBavu Facebook Radio kodwa sele itshintshwe ngokusesikweni yayiBavu TV, kwaye isaqhuba ngokuphakela iindaba uluntu kwiqonga likaFacebook.

Leyo yinkquleqhu yobesakuba ngumsasazi waseUnitra Community Radio, uNkosomzi Bavu (34), waseDalagubha eLibode.

Kule veki, I’solezwe lesiXhosa lincokole noBavu emva kwedinga lodliwanondlebe ebeligqitywe kwi-inbox kaFacebook.

UBavu wafunda kwisikolo samabanga aphezulu iXhentse Senior Secondary. IXhentse sisikolo esabethelwa oonontsizana sakhiwa. Ngethuba efunda uGrade 12 kule Xhentse uBavu, wayekwazi ukuva abanye abafundi, bakaGrade 10 noGrade 11, befundiswa kuba babekwiholo elinye. Babelishumi kwaGrade 12 ze kwaphumelela yena nabathathu.

Uphume apho kunzima wayokufunda eWalter Sisulu University esenza iPublic Relations Management, wayiphumelela.

“Ndisebenze kwisikhululo sikanomathotholo iUCR FM eMthatha iminyaka esibhozo, apho ndisebenze kwimingxili emininzi kanomathotholo efana nokuba ngumhleli weendaba kwanokuba ngumanejala weenkqubo.”

UBavu ukhe wasebenza kwiofisi yobesakuba nguMphathiswa weSebe lezeMidlalo, uLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko uPemmy Majodina, iminyaka emibini ukusukela ngo2016.

“Ngoku ndiphelelwe ngumsebenzi kwiofisi kaMajodina, ndabona ukuba mandiqale inkquleqhu yokunceda abantu abahlelelekileyo. Ndabona ukuba mandifunde iindaba kuba eso sisakhono sam. Tyhini! ndabona ukuba le nto mandiyifake kuFacebook wam ukuze ifikelele kwabaninzi, ndifakela nemifanekiso.

“Umntu wokuqala ukuhlomla yaba nguBetusile Mcinga kwalandela nabaninzi bencoma futhi bendikhuthaza. Ukuze yenze umdla ndabona ukuba mandiyenze ibengumfuziselo kamabonakude kodwa osasazwa ngqo kuFacebook,” utshilo uBavu.

Eminye yemizamo yokunceda uluntu esele iyenzile iBavu TV iquka ukusasaza ngombandela womakhulu waseNyandeni owayekwimfuno yokwakhelwa indlu. Emva kokusasazwa kolo sizi, lo mzi ngoku ukuluhlu lokwakhelwa.

“Siphinde safumana ibali likaSibusiso Jali (31) kuQumbu ongazange wakwazi ukuhamba ngenxa yenkubazeko. Emva kwelo bali ndafowunelwa nguButho Vuthela esithi iOfisi yeNkulumbuso ifuna ukwenza ungenelelo kwimeko kaJali.”

UBavu uthi bayaqhuba nokufumana inkxaso kuluntu oluphuma mbombo zone zehlabathi, abantu abakhuthazayo bambi befuna ukwenza inkxaso.

“Kukho ibali esakhe salifumana lendoda eyabulala isithandwa sayo eSulenkama kuQumbu. Kwelo bali safumana uMsamariya owakhupha iR20 000 yomngcwabo.”

Intatheli yeBavu TV nguMzukisi Mahamba okhenketha kulo lonke iphondo, logama uNomandla Mxo ekwezentengiso ze uBavu abengumlawuli. Umfundi weendaba nguEsona Mlenze. Basebenzisa ifowuni, ikhamera neLaptop, kodwa yiya kuFacebook kaNkosomzi Bavu uzibonele umgangatho nesakhono sokuvelisa amabali anongwe ngengqiqo eqamele ekuxeleni amabali wabo bahlelelekileyo.

UBavu ukwabalule ukuba bakwafumene inkxaso kusomashishini uMadoda Tshokotshi noMbulelo Mda oligqwetha, abancede inkwenkwana eneminyaka emihlanu yaseWhittlesea ebikwimfuno yesitulo esinamavili sokuncedisa ukuhamba (Wheelchair). Kule mpelaveki siya kuyo iBavu TV iza kwenza iKrismesi yale nkwenkwana.