Ibhegi mayihlale icwalile mfazi

IINDLELA zokukhawuleza ubaleke xa iimpawu zodushe olujoliswe kwisini phakathi kwakho neqabane lakho kukuba ibhegi yakho ihlale icwalile ukuze ushiye loo ndoda kwangethuba phambi kokuba kwenzeke into embi ebomini bakho.

Oku kuthethwe nguMercy Cwayi oyiNtloko kwi-On Eagles Wings Multi-Purpose Centre yaseJeffreys Bay kulandela iimfundiso azifunde kwingxoxo ebiququzelelwe yiPOWA (People Opposing Women Abuse) ngokusebenzisana nenkampani eyenza iti iJoko.

Le ngxoxo ijolise ekufundiseni amaxhoba odushe olujoliswe kwisini ukuba ohlukane nokuthula cwaka ngoxhatshazo lwawo [#EndDomesticSilence].

Kwingxoxo evangwe ngeti ebibanjelwe kwityalike iPCG eJeffreys Bay, amalungu oluntu kula mmandla aye afumana ithuba lokufunda ngeengxaki zoxhatshazo ajongene nazo bekwaphendla neendlela zokuqubisana noko.

UMercy Cwayi, iNtloko kwi-On Eagles Wings Multi-Purpose Centre kwanoKate Mocheki, iNtloko yeeProjekthi kwiPOWA UMFANEKISO: UTHUNYELWE

UCwayi uthi kwezi ngxoxo ufunde ukuba amakhosikazi kufuneka ahlale eneenombolo zikaxakeka zokuwanceda ngomhla wengxaki.

“[Sikwafunde] ukuba amakhosikazi makabenebhegi kaxakeka eneempahla nezinto zokuhlamba nokuthambisa ehlala icwalile, ukuze imeko yoxhatshazo bayishiye ngokukhawuleza. Sikwafundiswe ukuba masixelele uluntu ukuba amaxhoba odushe olujoliswe kwisini makakholelwe futhi nokuba amadoda ahlonitshiweyo ngokwezemfundo kwanokuphumelela kwawo ngokwempangelo angangabo abaphembeleli bodushe olujoliswe kwisini,” utshilo uCwayi.

Kusenjalo, kwakwezi ngxoxo ezivangwe ngeti, eMthatha kuye kwabanjwa iingxoxo malunga nombandela wokuthwalwa kwamantombazana ngaphandle kwemvuwe yawo.

Ngokusebenzisana nePOWA neMthatha Women’s Support Centre bathe babamba ezi ngxoxo, bekwagxile kumbandela wokuthwala.

Amakhosikazi aseMthatha exoxa ngemiba edla wona UMFANEKISO: UTHUNYELWE

INtloko yeMthatha Women’s Support Centre, uKoliwe Nongauza, uthe: “Ngamanye amaxesha abazali [bavuma ukuba kuthwalwe abantwana babo] ngenxa yendlala kuba bebona ukuba abanakumelana nendlela eyiyo yokukhulisa umntwana wabo oyintombazana.”

“Kumaxesha amaninzi, le ndoda ixhwile le ntombazana okanye lo mfazi iye imkhulelise ngokukhawuleza, ukuze athibazeke ukubuyela ekhayeni,” utshilo uNongauza, ekwathi basebenzisana namapolisa ukuqubisana nalo mbandela.

UKate Mocheki, iNtloko yeeProjekthi kwiPOWA, uthi eyona njongo iphambili yabo kukuqinisa amazwi adlamkileyo kuluntu ukuze kuphele ukuthula cwaka kwimiba yodushe olujoliswe kwisini.