UMzantsi Afrika ubuye ngasemva wongamela iUganda ebinamandla kwesokuqala

Ifolosi esakhulayo, uEvidence Makgopa, incede uMzantsi Afrika obethe iUganda ngo’3-2 emdlalweni wobuhlobo obubanjelwe e-Orlando Stadium. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Nangona ubuhamba emva kwisigaba sokuqala ngegowuli elinye, uMzantsi Afrika ubuye ngamandla wayibetha iUganda emdlalweni wobuhlobo obubanjelwe e-Orlando Stadium ngorhatya lwanamhlanje. Lo ngumsebenzi omhle owenziwe liqela lesizwe elinabadlali abatsha ebeliqeqeshwa nguHelman Mkhalele. ABafana Bafana bawuqale kakuhle umdlalo – kodwa, umlilo wabo ukhawuleze waphela yawuthathela kuyo i-Uganda umdlalo. Ngomzuzu weshumi elinesixhenxe, iUganda ibhalise ebhodini ngegowuli elifakwe ngu-Ibrahim Orit – obethe uRonwen Williams ngebhola entle ebigotywe ekunene. Akukho kwanto ephucukileyo abayenzileyo aBafana Bafana kwisigaba sokuqala ngoba sonke silawulwe yi-Uganda.

Yiyo edlale umdlalo ophucukileyo, ekhabele ezipalini nekwazileyo ukudala amathuba emdlalweni. Kwisigaba sesibini, iqela likaMkhalele lidlale umdlalo ongcono kakhulu. Ukungena kukaThabiso Kutumela no-Evidence Makgopa kwenze umahluko omkhulu. Emva kwexeshana, uMakgopa ukhulule uMzantsi Afrika obuvingcelwe kakubi yi-Uganda ngokufaka igowuli lokulinganisa. Igowuli liwufunqule uMzantsi Afrika kakhulu ngoba libuyise nokuzithemba ebadlalini abaqale ukudlala ibhola engcono. Kugqithe imizuzu embalwa, uMakgopa ufake igowuli lesibini emva kokudlalelwa ngu-Ethan Brooks ibhola emshiye uRashid Watenga ethe natya phantsi kweepali.

UBongokuhle Hlongwane ufake igowuli lesithathu laBafana Bafana. Kodwa khange inikezele iUganda efumene igowuli lesibini emizuzwini yokugqibela emdlalweni. Alenzanga mahluko kekambe igowuli elifakwe ngu-Abu Lumala ngoba ekugqibeleni, uMzantsi Afrika uphumelele. Abadlali abatsha abanikwe ithuba elinqabileyo lokudlalela aBafana Bafana baquka uRushine De Reuck, uDenwin Farmer, uSibusiso Mabiliso, uNkosinathi Sibisi, u-Ethan Brooks, uSphelele Mkhulise, uBongokuhle Hlongwane no-Evidence Makgoba. UMzantsi Afrika uzama ukwakha iqela elitsha phambi kokuqala kwemidlalo yokuya kwiNdebe yeHlabathi eza kusingathwa lilizwe laseQatar kunyaka ozayo.