Amalungiselelo waBafana Bafana adungadungwe kakubi yiKhorona phambi komdlalo onamhlanje!

Umsebenzi wokulungeselela umdlalo wanamhlanje unikwe amasekela-mqeqeshi amabini, uCedomir Janevski noHelman Mkhalele. Umfanekiso: Uthunyelwe

Abadlali beqela lesizwe basenkampini eGoli – apho babila besoma belungiselela umdlalo wobuhlobo ophakathi koMzantsi Afrika nelizwe lase-Uganda. Umqeqeshi omtsha, uHugo Broos, uza kube ekokwabo eBelgium – apho alindele khona ukugonyelwa iKhorona okwesibini. Umsebenzi wokulungeselela umdlalo uwunike amasekela wakhe amabini, uCedomir Janevski noHelman Mkhalele. Amalungiselelo waBafana Bafana akahambanga kakuhle emva kokudungadungwa yiKhorona enezothe ezifumanele indawo yokuhlala kuJanevski, kuPercy Tau, kuSipho Mbule nakuTeboho Mokoena. Umdlalo wanamhlanje uza kunika amadoda aqeqesha iqela lesizwe ithuba lokubona abona badlali aza kuya ngawo emfazweni xa kudlalwa imidlalo yokuya kwiNdebe yeHlabathi eza kuqala ekuthambekeni konyaka.

UJanevski uthe abazukufundisa abadlali indlela yokudlala ibhola, into abayifunayo kukwakha iqela eliluqilimba. UMzantsi Afrika usazikhotha amanxeba emva kokungakwazi ukufumana indawo kwi-2022 Afcon eza kube iseCameroon. “Sifuna ukusebenzisa iziphiwo abanazo abadlali ukuze sakhe iqela, hayi ukubafundisa indlela yokudlala ibhola. Sakube sivile ukuba siza kudlala ne-Uganda, siye sabukela imidlalo yayo egqithileyo. Senze uhlalutyo ngoba besifuna ukwazi ezona ndawo abanamandla kuzo nabathambe kuzo. Konke oko sikwenza ngoba sifuna iziphumo emdlalweni noxa sisazi ukuba ngeke kubelula,” utshilo uJanevski.

Kulindeleke ubukho bomntu ofana noMkhalele, owayedlalela aBafana Bafana ngaphambili, kwenze umahluko kubadlali. Yena uMkhalele uthethe wenjenje: Okubetha iqela lesizwe zizinto ekufanele zilungiswe ebadlalini ngamaqela abawadlalelayo. Abadlali banayo italente – kodwa abancedwa ngokwaneleyo kwiindawo abadlala kuzo. Bayakwazi ukudlala – kodwa abanawo amandla wokulwa xa bedlala. Yinto leyo adalwe nayo umdlali ngamnye. Ndimxelele umqeqeshi ezi zinto ndithetha ngazo kwaye kufuneka sifumane isisombululo zazo. Eli lizwe, aliyifanelanga indawo elikuyo ebholeni. Sifanelwe yindawo ebhetele.” Emva kokuba uCadomir Janevski esulelwe yiKhorona, uMkhalele uza kuliqeqesha yedwa iqela lesizwe emdlalweni wanamhlanje. Umdlalo uza kuqala ngentsimbi yesithandathu ngorhatya e-Orlando Stadium.