‘IBlesser yam yandosulela ngesifo sikaGawulayo’

ULEBOGANG Motsumi, 27, usalikhumbula nanamhla oku usuku awafumanisa ngalo ukuba wosulelwe ngentsholongwane kaGawulayo yindoda endala kuye.

“Yayingumhla we-15 kweyeThupha ngo-2009, ngentsimbi yokuqala emva kwemini,” utsho. Ukhumbula elo xesha njengeleza notshintsho ebomini bakhe. “Ndandingazi nto,” utsho.

“Ndandicinga ukuba i-HIV inobuso, obubhityileyo, obuhlwempuzekileyo nobufayo kwaye mna ndandingebubo obo buso.”

Le ndoda yayimosulele ngesifo sikaGawulayo yayingu ‘’Sugar Daddy” okanye ngokwala maxesha angoku, yayi yi- “blesser’’ indoda endala “esikelela’’ amantombazanyana amancinane, ahluphekayo ngemali kunye nezipho, ize ilindele isondo.

Ubungozi bee-blesser ibengumxholo ophambili kwiNkomfa yeHlabathi engesifo sikaGawulayo eseThekwini kule veki.

EMzantsi Afrika, abantu abakwizigidi ezisixhenxe baphila nentsholongwane kaGawulayo, kwaye amadoda amadala ngawo asolekayo ngeli zinga lothusayo liphakamileyo lolosuleko kumantombazana asafikisayo kwakunye namanina aselula.

“KwiiBlessers, linye izinga endilifunayo: Ngu-Zero Level, uZero Tolerance kumadoda abeka amantombazanyana amancinane emngciphekweni wokosulelwa yi-HIV,” utshilo oyiNgqonyela ye-UNAIDS uMichel Sidibe, ngethuba leseshoni yokuvula le nkongolo ngoMvulo.

iVeki neveki, kuqikelelwa ukuba angamawaka amabini (2 000) amabhinqa aphakathi kwe-15 leminyaka nama-24 osuleleka yi-HIV.

Amantombazana aphakathi kweshumi elinesihlanu neshumi elinesithoba leminyaka, kukholeleka ukuba osuleleke yi-HIV amatyeli asibhozo kunamakhwenkwe akwiminyaka yawo.

Umsantsa ngokweminyaka ngunobangela wokusasazeka kukaGawulayo kumazwe akumazantsi e-Afrika, utshilo uNjingalwazi Salim Abdool Karim, nongumlawuli weCentre for the AIDS Programme of Research in South Africa (CAPRISA).

“Ngaphezulu kwesithathu kumanina amahlanu, amancinane nalawo angaphezulu kwama-20 – afumene iHIV kwindoda ekuma-30 eminyaka, emalunga nesibhozo ukuya kwishumi ubudala,” utshilo uKarim exelela i-AFP.

“Akafuni nokuthetha ngeekhondom, okanye uzakucinga ukuba uyamdyolela,” utshilo uMotsumi, nowayene 17 leminyaka ukuqala kwakhe ukuphuma nendoda endala kunaye.

“Uyayazi ufanele uyisebenzise, kodwa ngenxa yokuba kukhala isihlangu sakhe kwezesondo: ulenza nini, njani? Ingemali, ayilo thando,” utshilo uMotsumi. “Ndandifuna imali, ndandifuna ukungashiyeki, ndinxibe iimpahla zala maxesha njengabahlobo bam.”

UMotsumi uyayazi indlela azoyichukumisa ngayo le ncoko nentombi yakhe eneminyaka emithandathu.

“Ndakumnika ulwazi aludingayo ukuze enze izigqibo ezichanekileyo. Andizukunyanzela, kodwa ukuba ufuna ubudlelwane namadoda amadala, kufuneka uyazile imingcipheko,” utshilo.