Icenga amalungu weMK iANC eKZN

UJacob Zuma ekunye namajoni wakhe weMK Party.

Oyintloko yephulo lolonyulo kwiANC eKZN uMdumiseni Ntuli uqinisekise ukuba ngenene baqhuba iindibano ezifihlakeleyo namalungu athe ashiya lo mbutho esiya kwiMK Party kaJacob Zuma.

Uthi abakuyifihla eyokuba kuyaxhalabisa ukushiywa kwabo ngamalungu amadala anembali yokusebenzela iANC.

“Sifuna ukufikelela emazantsi wentlungu ebangela ukuba la malungu athathe isigqibo sokushiya umbutho weANC esiya kwiMK Party,” kutsho uNtuli.

Oku kusemva kokuba owayesakuba nguMongameli weANC uJacob Zuma edize ukuba akasayi kukhankasela iANC, kwaye akasayi kuyivotela kananjalo.

UZuma akazange alibazise ukubonisa inkxaso yakhe emandla kumbutho iMK Party.

Ukusukela ngomhla weshumi elinesithandathu kuDisemba uZuma umilisele amasebe weMK Party ejikeleza exelela abantu ngalo mbutho. Sele kufuna ukuba sisiqhelo ukuba xa kusiza ulonyulo lukazwelonke kubekho imibutho emitsha ezalwayo.

IANC yamnqumamisa uZuma ngeli nyathelo, kodwa kuthiwa isigqibo sizakuthathwa emva kolonyulo oluzakuqhutywa kulo nyaka kwinyanga kaCanzibe kweli.

“Iindibano zethu ziqhuba namalungu kuzwelonke, sithetha nabo basandula kuzimanya nalo mbutho kwakunye nabo bebemenywe yiMK Party ukuba babeyinxalenye yabo,” kutsho uNtuli.

UZuma ubizwa kwiindawo ezahlukeneyo zelizwe ukuba aye kushumayela ngombutho wakhe iMK Party.

“Phakathi kwabo bashiye iANC kukwakho nabo bebengooceba beANC, abanye ke abanyulwanga kwizikhundla ezithile ebebelindele ukonyulwa kuzo,” ucacisa atsho uNtuli.

Nangona uNtuli engakwazi kuyifihla inkxalabo yakhe ngokuhamba kwamalungu kwiANC, uMongameli weANC uCyril Ramaphosa, unobhala jikelele kulo mbutho uFikile Mbalula kwakunye nosihlalo walo mbutho uGwede Mantashe basoloko bebonakalisa ukungabi naxhala kukushiywa ngamalungu.