USajini waseMpuma Koloni ufunyenwe enetyala lokudlwengula intombi yomkakhe

USajini wamapolisa eMpuma Koloni ufunyenwe enetyala lokudlwengula yinkundla ephakamileyo yaseMpuma Koloni.

Inkosikazi yeli polisa elikwalipolisa lifunyenwe linetyala lokungaluxeli udlwengulo.

Lo mba uye waphandwa licandelo lophando lwamapolisa elizimeleyo (IPID).

Uphando ludize ukuba eli polisa linamashumi amahlanu anesithathu (53) eminyaka ubudala laxhaphaza ngokwesondo ladlwengula intombi yomkakhe (stepdaughter) eneminyaka elishumi elinesithandathu (16) ubudala.

Umama wale ntwazana, olipolisa elineminyaka engamashumi amathathu anesithandathu (36) ubanjwe wafunyanwa enetyala lokusilela ukuxela udlwengulo lwentombi yakhe.

Isithethi seIPID, uPhaladi Shuping uthi le ntwazana yadlwengulwa kwisakhiwo esihlala amapolisa.

“Lo sajini wamapolisa waseMonti uxhaphaze ngokwesondo kwaye ngokuhamba kwexesha wadlwengula intombi yomkakhe kwisakhiwo sezindlu zamapolisa ababehlala khona phakathi konyaka ka2018 ukuya ku2021,” utshilo uShuping.

“Ityala laxelwa kwi-IPID, wabanjwa usajini. Uphando ludize ukuba umama wexhoba okwalipolisa waxelelwa ngumntwana ngezi zenzo kodwa akazange azixele kwabasemagunyeni okanye amkhuphe umntwana endlini.”

Nanjengoko umama wakhe omzalayo engazange amncedise ekuvuleni ityala ngakuyise wesibini (stepfather) ongusajini wamapolisa, umakazi wale ntwazana wamncedisa ekuvuleni ityala waza wayinceda ekuchotshelweni kwayo enkundleni.

Ngalo lonke elo xesha lokuchotshelwa kwetyala, usajini wamapolisa wagcinwa eluvalelweni ngoxa inkosikazi yakhe yakhululwa ngesilumkiso.

I-IPID imqhwabele izandla umakazi ngokuma ecaleni komtshana wakhe emxhasa.

Ityala limiselwe umhla wesine kuTshazimpuzi ukuze kugwetywe usajini wamapolisa.

Eli bali liqale lavela kwi-IOL.