IDA ayivumanga ukugoba uphondo – yenza ingxelo yephondo ngaphambi kweyesizwe

INkulumbuso yaseNtshona Koloni uHelen Zille Umfanekiso: Michael Walker / ANA

EKAPA: OMNYE ukhomb’omny’elisweni nanjengoko iNkulumbuso yeli phondo uHelen Zille eza kuchaza ingxelo yobume bephondo kwindlu yowiso mthetho phambi kokuba uMongameli uCyril Ramaphosa achaze ingxelo yobume besizwe ePalamente namhlanje.

Unobhala weANC kweli phondo uFaiez Jacobs uthi iDA izimisele ukuphikisana norhulumente ophethwe yiANC kangangokuba ide ixolele ukuyenza ispaza shop yaso iNtshona Koloni.

Ukanti, iDA yona ithi, iANC ibambe abantu baseMzantsi Afrika norhulumente wesininzi ngobhongwana ngelixa belungisa umbutho wabo ongazinzanga.

UJacobs uthi bebebhalele kwiDA bayicela ukuba irhoxise ingxelo yephondo kodwa yala kuba icinga ukuba iNtshona Koloni lilizwe layo. “Wakhe wabona phi kusenziwa ingxelo yephondo ngaphambi kweyesizwe? Kukungabikho kwentlonipho kuqondo oluphezulu oku. Kwaye sichasene nale nto kuba ibonakalisa ukuba iDA ayibakhathalelanga abantu beli lizwe. Besibacelile abavuma kodwa ivumile iDA yaseRhawutini,” utshilo.

Isithethi seDA uAnneke Scheepers uthe babhalele kwisithethi sendlu yowiso mthetho eRhawutini uLentheng Mekgwe, bemcela ukuba acacise ukuba kutheni erhoxise eyabo ingxelo yela phondo ebibekelwe uMvulo we-19 kule nyanga.

“Siyi DA sikholelwa ukuba akukho sizathu sibambekayo ngolu rhoxiso, ngaphezu kokuba isithethi saseRhawutini neNkulumbuso uDavid Makhura bekholelwa ukuba umlo oqhubeka kwindlu yaseLuthuli ubaluleke ngaphezu kwabantu.  Indlu yowiso mthetho yaseNtshona Koloni ekhokhelwa yiDA iza kuqhubekeka nengxelo yephondo nanjengoko kungekho othi iPalamente yeSizwe ihlala phambi kwephondo,” utshilo.

“IANC ibambe abantu baseMzantsi Afrika norhulumente wesininzi ngobhongwana ngelixa belungisa umbutho wabo ongazinzanga.”

UScheepers uthi esi sigqibo basenze emva kokuthathela ingqalelo ifuthe urhoxiso ebeluza kubanalo kubabhatali berhafu. “Ukurhoxisa le ngxelo bekuza kubaneziphumo ezingalunganga ebantwini ababhatala irhafu. Imali esele ichithiwe ukwenza amalungiselelo ibanguzukuphinda ibuye,” utshilo.

michael.nkalane@inl.co.za