Ifikile i4IR kumafama

AMAFAMA kufuneka abenezakhono zokuvelisa ukutya, kodwa akuphelelanga apho – ulwazi malunga neenkcukacha ezifunekayo ngoyena ndoqo onokuguqula imbonakalo yeshishini lezolimo. Lowo ngunobangela kanye wokuba inkampani yabucala iAerobotics iyile iinkqubo zokwenza lula ishishini lezolimo.

Ezi nkqubo ziquka iDrone Scouting Application esungulwe ngeenjongo zokuncedisa amafama ukuba azibone kwangethuba izinambuzane eziphazamisa izityalo zawo.

“Besisebenza nzima kule minyaka idlulileyo nabalimi sisenza isixhobo sezobuchwepheshe sokutshintsha ngokupheleleyo indlela amafama alawula ngayo izityalo zawo, babone imithi engalunganga ze baphinde babone izinambuzane bengakhange babeka kwamcondo efameni,” itshilo ingqonyela, kwanomnye wabaseki beAerobotics, uJames Paterson.

Le khamera ibhabhayo (drone) iyakwazi ukuthatha iinkcukacha zemithi efileyo okanye enezinambuzane kuloo mafama eziqhamo, ze emva koko ibonise umfama ngeyona mithi ifuna ingqwalasela. “Phambi kobu buchwepheshe, umfama bekunyanzeleka ukuba atyelele umthi nomthi okanye athembele kwiinkcukacha zangaphambili ukuze abone undonakele kwizityalo. Ngoku iphelile lo nto. Amafama aza kukwazi ukonga ixesha nemali ngenxa yeAerobotics,” kutsho umanejala weenkcukacha zobunzululwazi kwaAerobotics uMichael Malahe.

Intloko yeemveliso eAerobotics uNasreen Patel uthe: “Sijonga imicelimngeni ejongene namafama, emva koko sigqale amacebo okuqubisana naloo micelimngeni,” kutsho uPatel.

Story 5

Ulwazi ngesifo sochwane kwimfuyo

Uchwane sisifo esilawulekayo ngokwengxelo yomthetho iAnimal Diseases Act yonyaka ka1984.

Esi sifo sibangelwa yintsholongwane ethi ichaphazele kuphela izilwanyana ezineempuphu eziquka iinkomo, iigusha, iibhokhwe, iihagu nezo zasendle ezifana nenqu namaqhude.

Abantu abosulelwa sesi sifo ngokutsho kwale ngxelo. Sibangela umkhuhlane othi ulandelwe zizilonda emlonyeni nasezintupheni zempahla leyo.

Ngoko ke, izilwanyana ziye zingabinamdla wokutya zibhitye ngenxa yoko. Sosulela ngokukhawuleza xa singalawulwanga, kwaye zingosulelana iimpahla ngokudibana kwezo zinaso nezo zingenaso esi sifo, okanye iimveliso nezixhobo ezisetyenziswa ziyasihambisa esi sifo.

Ezo zizixhobo eziquka iinqwelomafutha, izixhobo zokusebenza eziphathwa ngezandla, impahla yokunxiba, iintambo zokubopha ezithe zadibana nesilwanyana esinesi sifo. Esi sisifo esichaphazela umhlambi ngokukhawuleza.

Ngoko ke ukuba umfuyi ubona iimpawu zesi sifo kwinkomo, igusha okanye ihagu enye – kungenzeka ukuba nezinye sele zosulelwe sesi sifo.

Sinefuthe elibi kakhulu kwimeko yezimali yelizwe nanjengoko ukuhamba kwaso kuye kuchaphazele urhwebelwano namanye amazwe kwanalapha ngaphakathi elizweni, ngokuchaphazela iimveliso eziza ngemfuyo enempuphu nezinye ezizalana nazo ezinjengokutya kwemfuyo. Kukho iindawo ezithile kweli eziphantsi kolawulo lukarhulumente ngenjongo zokunqanda ukunwenwa kwesi sifo, kusetyenziswa iindlela zokusilawula eziquka ugonyo nokunqanda ukuhambahamba kwezilwanyana ezichaphazelekileyo.

Xa umfuyi efuna ukwazi ngomhlambi wakhe ngokumayela nesi sifo kukhuthazwa ukuba adibane nogqirha wezilwanyana ophantsi kukarhulumente kwindawo akuyo, okanye igosa elijongene nempilo yezilwanyana ukuze wazi ukuba izilwanyana zakho zikwingingqi ephantsi kolawulo lokuhamba kwesi sifo.

Umfuyi azame ukwazi banzi ngendlela zokulawula esi sifo. Bonke abanikazi, abaphathi nabantu abasebenza ngezilwanyana ezinempuphu bayakhuthazwa ukuba bahlale bephaphile besebenzisa iindlela zokuthintela esi sifo.

Xa ukrokrela ukuba imfuyo yakho ichaphazelekile, nceda wazise igosa elijongene nempilo yezilwanyana kwingingqi yakho, umlimi okanye ugqirha wezilwanyana ophantsi korhulumente ngokukhawuleza. Akuvumelekanga ukuhanjiswa kwezilwanyana ezikrokreleka ukuba zinesi sifo ngaphandle kokuba ziqinisekiswe ngugqirha wezilwanyana ophantsi kukarhulumente ukuba zikhuselekile.

Xa uqinisekile ukuba imfuyo yakho ichaphazelekile, kukho iindlela ezahlukeneyo ezinokuqinisekiswa ligosa elijongene nempilo yezilwanyana. Oku kuquka nangona kungaphelelanga apho, ukulawulwa kokuhanjiswa kwemfuyo neemveliso zazo nokugonya. Abafuyi banoxanduva lokuqinisekisa impilo yezilwanyana zabo, kwaye bangatshutshiswa phantsi komthetho iAnimal Disease Act nomthetho iConsumer Protection Act ka2008 xa bengathathi nxaxheba kumalinge okunqanda ukunaba kwesi sifo.

Umfuyi angatsalela umnxeba kugqirha wezilwanyana ozimeleyo, ugqirha wezilwanyana ophantsi korhulumente okanye igosa lezilwanyana ukufumana iinkcukacha ezithe vetshe.

Iinombolo ezinokutsalelwa ziquka iFood Import neExport Standards kunye neAnimal Health kulo mnxeba: 012 319 7456 iFekisi ngu: 012 329 7218 iEmail: Epidemiology@daff.gov.za okanye iAnimal Health Promotion Division, umnxeba uthi: 012 319 6004/6117/6444 ze iemail ithi info.sps@daff.gov.za.