Yiya embovaneni gwalandini!

Uninzi lukholelwa ukuba imfundo iyinto yonke, kodwa uPhilisa Hele waseMthatha, ngezenzo zakhe zokuthanda ukutyala, uyakuphikisa oku.

UHele uqale enye yeendlela ezinzima zokutyala abathi abaninzi bayiyele esikolweni. Utyala iintyatyambo, imithi yemveli nezinye izityalo zokuhombisa.

Kufuphi nohola wendlela uR61 osinge kwidolophu yaseLibode, uHele uvule indawo yokuthengisa obu buhle bendalo elithi imehlo lingavumi ukuba ugqithe ungabuzanga.

“Andizange ndifundiswe ngumntu, andizange ndiye nasesikolweni ukufundela lo msebenzi, koko ndiwenziswa kukuwuthanda,” kutsho uHele.

Uthi ngunina owatyala imbewu yokuthanda izityalo eziquka iintyatyambo empilweni yakhe ukusukela esengumntwana.

“Umama ebesoloko esegadini etyala, enkcenkceshela okanye ehlakula ukhula kwizityalo zakhe. Bendisoloko ndisecaleni kwakhe lonke ixesha,” udlisela atsho uHele.

Olu hlobo lokutyala lusanqabe ngeyona ndlela kubantu abamnyama nanjengoko lisesezandleni zabamhlophe, uninzi luyoyika ukusondela kulo.

“Abantu bakholelwa ukuba kufuneka kuyiwe esikolweni, ezinye izinto uzifundiswa yindalo ngokwayo ngaphandle kokuya esikolweni, undoqo kukuyithanda into nokuba yintoni oyenzayo,” litsho eli gorha lomlimi.

Izityalo zakhe uyazithenga aze azigcine ngokuzikhusela ngamanzi nendawo epholileyo ukuze zihlale zimelana neemeko zelanga nengqele ngokunjalo.

Ukuhamba imigama emide ekhangela ezi zityalo akumthibazi ukuba aqhubeke ukutyala, azinkcenkceshele imihla ngemihla.

“Ndithenga eMargate eThekwini kuba ndikhangela amaxabiso afikelelekayo nezityalo ezisemgangathweni, yilo nto ebangela ukuba ndiye khona.”

Ulwaphulomthetho oluxake eMthatha nakuMzantsi Afrika lukhe lamfumana uHele, kodwa lwafika endodeni.

“Ndikhe ndakhuthuzwa apha, ndadutyulwa, ndathathelwa iipali endandijonge ukuzisebenzisa, kodwa andibuyi ngamva kuba ndiyayithanda le nto ndiyenza apha,” kutsho uHele.

IEastern Cape Development Corporation (ECDC) ikhe yagalela esivivaneni incedisa eli gorha laseAfrika.

“Ukhona utata onamava okusebenza ngezityalo owayesenza lo msebenzi eRawutini, uyafika apha andifundise iindlela zokukhathalela ezi zityalo, ndincanca kuye ulwazi,” utsho uHele.

Uthi unomnqweno wokuba abe ngumvelisi weentyatyambo nezinye iimveliso athengisele iMpuma Koloni nezinye iindawo ezingqongileyo. ISebe lezoLimo, uLobo namaHlathi linesetyana elijongene nokuveliswa kwezityalo. Umnxeba: 012 319 6102