Iilwimi ezingenakubhanga!

Ngokusesikweni nangokusemthethweni, iba ngumnqa nesothuso into yokubhanga nokutshabalala kolwimi bekho abo bazithetha njengeelwimi zabo zenkobe okanye iilwimi zasekhaya.

Uphando lwamazwe ngamazwe luveza ukuba zininzi izizathu zokutshabalala kolwimi, kunjalo nje kwezo ngxelo zihamba nophando olungokubhanga kweelwimi, kukwavezwa nokuba xa ulwimi lubhanga okanye lutshabalala, oku kwalatha nokungcwatywa kwamasiko nezithethe zabantu abantetho izezo lwimi zibhangayo.

Umzekelo, ukuba isiXhosa singabhanga njengolwimi, oku kungalatha ukuba amasiko, izithethe, oovimba kunye namafa esiXhosa, zonke zingabhanga. Xa ke kubhanga isiko namafa omntu nako konke okulixabiso emntwini, oku kuthetha ukuba loo mntu, abo bantu neso sizwe, siyabhanga sinyamalale kuphele kuthi shwaka!

Xa isizwe sikhuthaza isizukulwana saso ukuba sikhethe ukusebenzisa ezinye iilwimi ekufundeni, ekubhaleni, ekuthetheni nasekunxibelelaneni ngokubanzi, eso sizwe asikhuthazi nje ukubhanga kolwimi lwaso, koko sikhuthaza ukubhanga kwaso buqu. Umzekelo, xa kunamhlanje kweli loMzantsi Afrika, siva kuthethwa ngamaKhoi namaSan okanye abantu ababizwa ngokuba ngabaThwa.

Uninzi lwabo, kuxhomekeka kwindawo abakufuphi kuyo ngokwentlalo, bathetha isiSotho, isiAfrikansi, isiXhosa, isiNgesi nesiTswana. Phambili phaya, kuvakala ukuba olona lwimi lwaluthethwa kakhulu ngabaThwa, yayilulwimi olwalubizwa ngesiNgkue, iSeroa okanye isiXam.

Ngenxa yokugutyungelwa kolu lwimi zezinye iilwimi ezinikwe amandla, ziwanikwa phofu nangabo bathetha isiXam, nabantu ababebizwa ngokuba ngamaSeroa okanye amaNgkue babhanga bejongile nokunyamalala kolwimi lwabo, amasiko abo, kwanamafa abo. Nakumanye amazwe kwenzekile oku.

Ulwimi olwalubalasele ngeengcambu ezinzulu zamasiko nemveli yezenkolo nokwandiswa kwezithanga, ingakumbi ngamakoloniyali elizwe lamaTaliyane, lwimi olo lwalusaziwa ngeLatini, alusekho. INubic eyayithethwa ixatyiswe kakhulu kwiYiphutha yamandulo neyayilulwimi lwase-Afrika, yabhanga igutyungelwa sisi-Arabhu.

Ulwimi iNagumi okanye iGong kwelaseCameroon, nalo lwabhanga lugutyungelwa lulwimi lwesiFrentshi lwamakoloniyali aseFransi, iSlavic naso sabhanga eYurophu sigutyungelwa sisiRashiya, ukanti nolunye ulwimi olusemngciphekweni wokutshabalala, nolusele luthethwa ligcuntswana labantu, lulwimi iAlbanian, ngenxa yokonganyelwa sisiTaliyane nesiGrike. Kunqandwa njani ukubhanga kolwimi?

Ulwimi luthi ukuze lungabhangi luthethwe ngabantu balo kwanabo bathetha ezinye iilwimi njengolwimi lwasekhaya. Ulwimi luthi ukuze luhlale luhleli okanye luphuhle, kufundiswe ngalo emakhaya nakumaziko emfundo ukusuka kulawo asezantsi, ukuya kwawemfundo ephakamileyo nkqu nakulawo emfundo enomsila ekuthweswa kuwo izidanga.

Ukuze ulwimi lungabi nakubhanga lutshabalale, kufuneka kuphandwe ngalo, kukhutshwe iingxelo neencwadi zophando kwangalo, kuvele ubunzululwazi kwangalo, kangangokuba lube lulwimi olunokusetyenziswa luze luphuhliswe kubugcisa obufana nobekhompyutha nakwiminxeba esetyenziswa ngabantu mihla le.

Izichazi-magama zolwimi maziveliswe oko kunjalo nje ezo zichazi-magama ziveze isigama samandulo kuquka neso siveza ukukhula kolwimi ngokwanamhlanje okanye ngokwale mihla siphila kuyo.

Izichazi-magama ke ziya zifikeleleka lula xa zifakwa nakwimijelo ye-Intanethi, hayi kwimiqulu kuphela. Ulwimi luthi ukuze luphile, lukhule kwaye luphuhle, lugqame nakwimijelo yosasazo, kungenjalo kubekho amaqonga okuxoxa ngalo, okukhuphisana ngalo, okwenza imidlalo yeqonga kwanokuveza imiboniso nomculo kwangalo.

Zonke ke ezi nzame namaphulo okuphucula ulwimi kwanokulugcina luphila, ndizibona umhla nezolo kwela phondo leNtshona Kapa.

Kwiziko elikumbindi wesixeko seKapa elibizwa ngombhali ophume izandla * -Athol Fugard, phantse zosixhenxe kwiintsuku zeveki, kubakho iingxoxo-mpikiswano, imiboniso bhanya-bhanya, imidlalo yeqonga, kwaneentetho ezichubekileyo ngolwimi kwanoncwadi lwesiNgesi ngokubanzi.

Ngenxa yoku ke, ulwimi lwesiNgesi alunakufane lubhange, kangangokuba lukhangeleka lulolona lwimi luthandwa kakhulu nasithi kwanenzala yethu. Silumke ke lungasigubungeli njengezi lwimi ndizikhankanye ngentla apha.

Ndikhe ndatyelela nakumhlaba waseWellington kwakweliya leNtshona Kapa, ndafika kukho iziko elibizwa ngombhali kwanembongi ebalaseleyo yolwimi lwesiAfrikansi, uBreyten Breytenbach.

Nakweli iziko, umhla nezolo, kwenziwa nantoni na enokuphuhlisa ulwimi nesiko labo bantetho isisiAfrikansi.

Kukho imidlalo yeqonga, ukhuphiswano ngomculo wolu lwimi, imiboniso yolu lwimi, ukhuphiswano lwemibongo, ukhuphiswano lokubhala nokufunda ngolu lwimi, ubugcisa kwanemizobo eveza ukukhula nokuphuhla kolu lwimi, kwanezifundo zamihla le ezijolise ekuthethweni kwesiAfrikansi, ukufundiswa banzi ngemveli, ingenkcubeko nangababhali besiAfrikansi.

Yonke le nto intle ndiyibone kula maziko, ndiye ndayinqwenelela isiXhosa kwanezinye iilwimi zakwantu, ukuze iilwimi zethu zingabi nakubhanga.

Ndinethemba lokuba nokuba mnye umntu oza kufunda eli binza, uya kundikrweca, akrwece nabanye, ekuzibandakanyeni kwiphulo lokuyila iziko lokuphuhliswa kwesiXhosa, ziko elo liza kutshila ngophuhliso lwesiXhosa, mhlawumbi libizwe ngababhali bakowethu abafana nooMqhayi, ooJolobe, ooTamsanqa, ooSiwisa, ooSoga, ooMgqwetho, ooSatyo, ooBongela, ooShasha, ooMbambo, ooMkonto, ooSaule nabanye, kungenjalo libizwe ngoBonisile John Kani; uNomhle Nkonyeni okanye uZanemvula Kizito Gatyeni “Zakes” Mda, kuba kaloku asingomaqhawe ezopolitiko kuphela awakhe ilizwe.