Iinkonde zitshe zabhubha kuronta

Ngamaxhego amabini, elinamashumi asixhenxe anesibini kwakunye nelinamashumi asibhozo anesithathu athe atsha abhubha kumlilo otshise uronta wawo elele kuwo ngaphakathi.

Oku kwenzeke kwilali yakuHebehebe eNgqamakhwe ekuzeni kusa ngoLwesibini.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa, uKapteni Jackson Manatha, lo ronta wezi nkonde uqatshelwe ukuba uyatsha yinkosikazi ebivuke ngentsimbi yesine ekuseni kuba ileqa ukuphekela abakhwetha.

Le nkosikazi ihlabe ikhwelo kubahlali ekubeni kuhlangulwe ezi nkonde kumlilo. UManatha uthi izicimamlilo kwakunye namapolisa zifike ngelishwa sele bebhubhile ngaphakathi.

Unobangela womlilo awaziwa amapolisa aseNgqamakhwe asaphanda. Amagama amaxhoba asagciniwe nanjengoko kusekutsha kwaye izihlobo zingekaziswa zonke.