Iinkwenkwezi zale veki

ARIES: Mar 21 – Apr 21.

Umsebenzi wobomi uya usiba nengeniso, ngako oko qaqambisa amathuba akho. Eli lixesha elikulungeleyo ukuba wenze utyalo mali olubonakalayo.

TAURUS: Apr 21 – May 21.

Ungayifezekisa iminqweno yakho xa unokwenza ubuhlobo nomntu ocinga nowenza izinto njengawe. Dibanisa intloko nomntu oza kuhamba kanye ekhondweni elinye nawe, ukuze nivuzwe ngokukuko.

GEMINI: May 21 – Jun 22.

Musa ukonqena ukuzahlukanisa nokwegqithayo kwimeko ethile. Isiqalo esitsha singakwenzela okuhle kakhulu, ngako oko qalisa ukucoca ingqondo yakho.

CANCER: Jun 22 – Jul 23

Qwalasela okwenzayo, kwaye uzithembe kuko. Eli lixesha lokuthabatha amathuba anobungozi. Kungcono uwe uzamile kunokuba ungaqali kwa ukuzama.

LEO: Jul 23 – Aug 24.

Isimo soshishino sizakuthi silungiseke, kwaye sibe ngecala lakho. Ubutyebi oza kuthi ubungcamle ngeli xesha bungaqhuba ixesha elide kwikamva lakho. Ungenza ngcono kubuhlobo basemsebenzini. Ngenxa yesi nezinye izizathu, uzakuthi wonwabe kakhulu.

VIRGO: Aug 24 – Sep 23.

Ubuhlobo buza kubonakalisa indlela onethamsanqa ngayo, ingakumbi ukuba kunobunzima ojongene nabo. Ulonwabo luphindaphindene ukuba sele uyinxalenye yoluhlu lwabonwabileyo. Uza kujonga emva kweli xesha ngoncumo.

LIBRA: Sep 23 – Oct 23.

Uza kukhetha ukuzigcina emfihlakalweni, nto leyo uza kuyifumanisa ikusebenzela ekubeni ukwazi ukucinga ngokuphangaleleyo uwedwa. Ukucinga ngokukuko kuza kuba neziphumo ezihle.

SCORPIO: Oct 23 – Nov 23.

Yenza eli thuba lempumelelo libe lihle kakhulu. Bonisa ilizwe ukuba unako ukwenza izinto, kwaye unamathuba amaninzi anokwenza ufikelele enkcochoyini koko uthe wakhetha ukukwenza. Kufanele ukuba udumile kakhulu eluntwini jikelele.

SAGITTARIUS: Nov 23 – Dec 22.

Ngethamsanqa nexesha ekulilo, umrholo wakho ungonyuswa. Kuza kumele ubone amathuba, kwaye unyanzelise. Faka isicelo xa ucinga ukuba kumele ufumane uchatha emvuzweni wakho okanye isidingo sokuboleka imali. Ukanti musa ukusebenzisa imali gwenxa.

CAPRICORN: Dec 22 – Jan 21.

Ukuthuthela kwindawo entsha kungakwenza ukhuthazeke kwaye kubekho nenkqubela phambili ebomini bakho. Yenza utshitsho ingakumbi ukuba ubomi bakho budangele okanye abunaziphumo zihle. Funda kumathuba amatsha.

AQUARIUS: Jan 21 – Feb 20.

Uza kuba nempumelelo engalindelekanga kweli xesha ingakumbi ukuba ukhangela ikhaya elitsha. Eli ikwalixesha elilungileyo lokungisa abo banengxaki kusapho lwakho. Ukuthetha ngqo ngundoqo.

PISCES: Feb 20 – Mar 21.

Udinga umbono omkhulu kunalo unawo, kwaye amathuba ohlukeneyo ayavuleka ebomini bakho. Kumele uwahluze ngononophelo amathuba akho, ujongane nalawo abonakala eqaqambile. Ukanti amanye amathuba aza kuvela mva ebomini bakho.