IKumkani icela indlela kuMphathiswa

IKumkani yamaXhosa jikelele uZwelonke Sigcawu

IKumkani
yamaXhosa jikelele uZwelonke Sigcawu umemelele kuMphathiswa weMisebenzi yoLuntu
kuZwelonke, uNkosinathi Nhleko ukuba angelele kwimeko yendlela emaxongo eya
kwisibhedlele saseThafalofefe kuCentane.

Oku
kulandela indibano yeenkosi noKumkani uSigcawu kunye noMphathiswa uNhleko
kwisibhedlele saseThafalofefe ngoLwesine.

UKumkani
uZwelonke uthi zinqongophele iinkonzo zikarhulumente eziya kwindawo yakuCentane
ingakumbi kwindawo yaseThafalofefe.

“Sidinga
indlela ekumgangatho ofanelekiyo kule ndawo, ibhlorho kunye nesikhululo
samapolisa,” utshilo uKumkani uSigcawu ebhekisa kuMphathiswa uNhleko.

Uthe
imaxongo imeko yendlela eya kwisibhedlele saseThafalofefe nto leyo eyenza
iimoto zooncedo lokuqala zithathe ixesha ukufikelela kuso.

“Siyavota
ngalo lonke ixesha kwaye sivotela ukuba sicele kuni baphathiswa xa imeko
isitsho, sincede Mphathiswa uNhleko,” uqhube watsho.

IKumkani
yamaXhosa jikelele, uSigcawu, ebebuya okwesibini kwesi sibhedlele. Kutsha nje
ebeze nogaqele ukuba ngumongameli wombutho we-ANC uMathews Phosa, apho
wanikezela ngeengubo kwizigulana.

Kwaye
uKumkani uSigcawu uthi akazokudinwa kukusoloko ecela uncedo kurhulumente weli.

UMphathiswa
uNhleko uvumile ukuba uza kungelela kule meko yendlela eya esibhedlele kunye
nakwimeko yeebhlorho ezifuna ukwakhiwa, kodwa akathembisanga nto kwicala
lokwakhiwa kwesikhululo samapolisa.

“Kufuneka
ndiqale ndithethe norhulumente wephondo phambi kokuba ndingenelele, kuba
ndiyabona kudala nazicela ezi zinto ngokwendlela enithetha ngayo,” utshilo
uMphathiswa uNhleko

Uthe
ngaphambi kokuba angenelele ngokupheleleyo kufuneka athethe norhulumente
wephondo ukuze ayazi ukuba kusilela ntoni.

Kodwa
uthe uyazibonela naye ukuba uCentane ujongene nomceli mngeni wokunqongophala kweenkonzo
zikarhulumente.

Uye
washiya amagosa esebe lakhe aza kuqinisekisa ukuba zintoni ezisilelayo
kuCentane.

Enye
yezinto ekhalelwa ziinkosi kungabikho kweemoto zoncedo lokuqala kwesi
sibhedlele, kuba sixhomekeke ukuba kusuke imoto yoncedo lokuqala eGcuwa
izokuthatha umntu ogulayo.

Usodolophu
woMasipala waseMnquma, uThobeka Bikitsha, uthi uchulumance kakhulu lutyelelo
lukaMphathiswa uNhleko, njengoko ebebizwe yiKumkani yamaXhosa jikelele  uSigcawu.

UBikitsha
uthi unethemba lokuba uMphathiswa uNhleko uyibone yonke imiceli-mngeni ejongene
nendawo yakuCentane.