ABafana Bafana balomelezile ithemba leFIFA World Cup

Emva kwezigxeko,
izenyeliso nokulahlekelwa yinkxaso – aBafana Bafana benze ezibukwayo kumdlalo
wale njikalanga. Nangona iBafana Bafana isahleli ezantsi kuGroup D – kodwa impumelelo
yanamhlanje izitshintshile izinto kwaye ikufunqule nokuzithemba kubadlali
bakaStuart Baxter. Iqela likaBaxter liye kulo mdlalo liphantsi koxinizelelo
olumandla emva kokubethwa kabini izihlandlo zilandelelana yiCape Verde kwinyanga
ephelileyo nasemveni kwesigqibo seFIFA sokuchitha iziphumo zomdlalo weBafana
neSenegal. IBafana Bafana iyivuthulule ngo’3-1iBurkina Faso engabonakalisanga
nto ingako kumdlalo ohlakulela indebe yehlabathi obuseFNB Stadium.

UBaxter
wothuse umzi ngokuthi aqale ngeqela labadlali elingenayo ifolosi nakubeni
ebekhona uDino Ndlovu endaweni kaTukelo Rantie ophosiweyo ngulo mdlalo. Okuncomekayo
kukuba akubonakala nokuba akukho folosi ngenxa yomsebenzi omhle owenziwe
nguPercy Tau, uSibusiso Vilakazi noThemba Zwane. Umdlalo wabo ubukwinqanaba
eliphezulu kwaye ikwangabo abafake amagowuli weBafana Bafana kwisigaba sokuqala
somdlalo. UMzantsi Afrika uqhufuze iqanda kungaphelanga nomzuzu umdlalo uqalile
– lo nto iwunike amandla wokuyongamela iBurkina Faso phantse sonke isigaba
sokuqala salo mdlalo obubukelwe libathwana labalandeli abangavumanga
ukungalixhasi ilizwe labo. Omnye wabadlali abathe bagqwesa kulo mdlalo nguKapteni
obambeleyo, u-Itumeleng Khune. Uvale iibhola ebezimbi zeBurkina Faso amatyeli
aliqela emdlalweni waphinda wanegalelo elibonakalayo kumagowuli amabini afakwe
nguZwane noVilakazi.

Kwisiqingatha
sesibini uMzantsi Afrika ubunamandla futhi kubonakala ukuba unxanelwe ukugalela
amanye amagowuli. Izinto zijike emva kokukhutshwa kukaBongani Zungu othe
wafumana ikhadi elibovu emva kokuxhwithana nomdlali waseBurkina Faso. Emva
kweso sehlo abadlali bakaBaxter kuye kwanyanzeleka ukuba bavale amazibuko
ngenxa yesikhewu somntu omnye obengekho. Abadlali beBurkina Faso badlale ibhola
ephucukile bade bafumana igowuli lokubika ekhaya elifakwe ngu-Alain Traore
kumzuzu wamashumi asibhozo anesithandathu. Ngethamsanqa uMzantsi Afrika
ukwazile ukuvala kwade kwase kugqibeleni. Nangona uMzantsi Afrika usahleli
ezantsi – kodwa uliqinisile ithemba lokuya kwiFIFA World Cup. Kodwa oko
kwakuthi kuxhomekeke kwiziphumo zamanye amazwe.

Bafana Bafana: Khune, Mkhize,
Hlanti, Gould, Daniels, Zungu, Mokotjo, Zwane, Vilakazi (Manyama 81′), Jali
(Kekana 70′), Tau.

Burkina Faso: Yago, Kone
Bakary, Malo, Nakoulma, A. Traore, Ouattara (Diawarra 75′), Koffi, Kabore, B.
Traore (Aziz Ki 68′), Bayala (Bance 36′), Toure.