“UMzantsi Afrika ungazingomba isifuba ngesikwenzileyo”

Stuart Baxter coach of South Africa during 2018 World Cup qualifier football match between South Africa and Burkina Faso on the 7 October 2017 at Soccer City, Johannesburg © Sydney Mahlangu /BackpagePix

Umqeqeshi weBafana
Bafana, uStuart Baxter, wonelisekile kakhulu ngumdlalo wabadlali bakhe abavuthulule
iBurkina Faso ngo’3-1 kumdlalo ohlakulela indebe yehlabathi ka-2018 obuseFNB
Stadium ngenjikalanga yanamhlanje. Impumelelo yoMzantsi Afrika iwuqinisile umlo
wawo wokuya kwindebe yehlabathi yebhola ekhatywayo ezakube iseRussia. Abadlali beMamelodi
Sundowns; uPercy Tau, uSibusiso Vilakazi noThemba Zwane bebehlaba okwameva
omqokolo emdlalweni wanamhlanje kwaye ikwangabo abancede iBafana Bafana
ngokufaka amagowuli kwisigaba sokuqala somdlalo ngoncedo luka-Itumeleng Khune –
unozinti ophambili eMzantsi Afrika. Le mpumelelo ithetha ukuthi uStuart Baxter
namakhwenkwe wakhe bafumana ithuba lokuphefumla nokuya phambili benethemba
lokuba umdali uyakubenzela inceba ngokuthi abavulele inyoba lokuya kwindebe
yehlabathi – kodwa konke oko kuxhomekeke kwiziphumo zamanye amazwe akuGroup D.

Emva
kokubethwa yiCape Verde kwimidlalo emibini, abantu abaninzi batyhole abadlali
beqela lesizwe ngobufede. Kucacile lo nto ukuba izichukumisile izazela zabo abadlali
– yiyo lo nto bedlale umdlalo ophucukile futhi onomahluko kunale idlulileyo. “Abadlali
basinike umdlalo omhle kakhulu phantsi kwezo zigxeko. Akululanga; abantu
bayabagxeka (abadlali) kufanelekile – kodwa ngamanye amaxesha kungafanelekanga.
Ndicinga ukuba indlela esidlale ngayo ithetha lukhulu ngebhola yoMzantsi Afrika.
Sizikhusele kakuhle – kodwa kwangaxeshanye nokudlala ngokukhululekileyo xa
sifika kumhlaba wayo (iBurkina Faso) sisebenzisa isantya namatshamba wethu,”
utshilo uBaxter emva komdlalo.

Image may contain: 1 person, playing a sport and outdoorBongani Zungu of South Africa is challenged by Bayala Cyrille Barros of Burkina Faso 2018 World Cup qualifier football match between South Africa and Burkina Faso on the 7 October 2017 at Soccer City, Johannesburg © Sydney Mahlangu /BackpagePix

Kuninzi
okuthethiweyo phambi komdlalo wanamhlanje kwaye lo nto ikhokelele ekuchaseleni
kwabantu abaninzi ebaleni – kodwa uBaxter ukwazile ukuqinisekisa ukuba iingqondo
zabadlali zihlala emsebenzini wabo. “Sifuna ukusebenzisa ubuchule nesakhono
sethu sokudlala xa sifuna ukonzakalisa iqela esidlala nalo. Amaxesha amaninzi
ekusondeleni kwesiphelo somdlalo asikwazanga ukudlala kakuhle ngoba
besingaphelelanga. Kodwa ke akukho nto; siza kufunda kwizinto ezinjalo. Abadlali
bebengacingi ngezinto ezibhalwe ngabo okanye imidlalo ezayo. Iingqondo zabo
bezisemdlalweni. Bazamile abadlali noxa bebengagqibelelanga. Nditsho ukuba
uMzantsi Afrika ungazingomba isifuna ngesikwenzileyo,” uvale ngalo mazwi
umqeqeshi weBafana Bafana.