Imeko imaxongo kusapho lwaseCumakala

Ungena nje emnyango eCumakala kwikhaya apho ahlala khona uHeadman Mqoqi ekunye nesithandwa sakhe kwilali eMasimini kwaWadi 15 kwidolophu yaseCumakala.

“Andiphangeli, ndiyagula ndineswekile kwaye ndenzakala apha emilenzeni ngoku ndinentsimbi ezimbini andikwazi kuhamba kakuhle,” ucacise watsho uMqoqi.

Le ndlu kuhlalwa kuyo sesi sibini iyanetha mhla ngemvula, ingenisa umoya obandayo xa kubanda, iifestile zivalwe ngengxowa, umzimba wayo untleke ntleke kukubola. “Kudala sithenjiswa ngezindlu apha kusiza ooceba, iinkokheli nabantu abahlukileyo bathathe inkcukacha zethu besithembisa ukuba bazakusakhela izindlu, kodwa yonke lo nto ayenzeki,” ucacise watsho uMqoqi.

Lo kaMqoqi uphila ngamabona ndenzile kuba akafumani nasinye kwizibonelelo zikarhulumente kuba kusithwa akakafiki kwixabiso lokufumana izibonelelo. Uhlala engcangcazela ukubonisa ukuba impilo yakhe ayinakuphinda imenze ukuba aziphangelele. “KwaSASSA ndaxelelwa ukuba ndisemncinci ukuba ndingafumana isibonelelo sikarhulumente nokuba sesokukhubazeka okanye ukugula, ukanti oogqirha bona bathi oku kugula kwam kungaphinda kunyangeke ngoko ke andinakufumana sibonelelo sikarhulumente,” utshilo uMqoqi. Le ndedeba eminyaka engamashumi amahlanu anesixhenxe iphila ngokuphiwa ukutya ngudade wayo. “Lo sisi ndihlala naye uye afumane umsebenzi wokuhlamba impahla apha elalini afumane R50 lo nto uyenza kabini ngenyanga, okanye ndiye kuphaka phaya kwadade wethu, silale sityile ke noko,” ucacise watsho uMqoqi.

Zizindlu ezilishumi elinanye kule ndawo ezakhiwe ngezinti ezidityaniswe nodaka, kwaye ingxelo yabahlali ithi, ezi zindlu zakhiwa ngeminyaka yo1980 ukufuduselwa kwabo kule ndawo yaseMasimini.

Ukanti uceba wakwaWadi 15 kule ndawo uNcediswa Tom akakhange afumaneke emnxebeni wakhe ukuziphendulela kwizityholo zokuba ungomnye wabantu ekukudala bethembisa eli khaya ngendawo yokuhlala.

Isebe lentlalontle kulindeleke ukuba linikise ngempendulo kumbutho iSouth African Council of Churches kwakunye nombutho we-Economic Freedom Fighters malunga neli khaya nanjengoko iyile mibutho ethe yaveza intlungu yeli khaya. Umfundisi wenkonzo yamaWesile eCumakala uZwelakhe Zazini uyinxalenye yelinge lokuphucula impilo yeli khaya. “Esikufunayo nje kukuba umntu akhelwe ikhaya abenendawo yokuhlala nje ngabanye abantu, kubuyiswe isidima sakhe, nako esikufunayo,” utshilo uZazini.