Imisebenzi yamapolisa ayithengiswa – amapolisa ayalumkisa

Isebe lengqesho lamaPolisa oMzantsi Afrika kwisithili saseOR Tambo lilumkisa abafaki-zicelo abasele befake izicelo zomsebenzi emapoliseni ukuba balumkele umkhohlisi olahlekisa abafaki-zicelo ngokubathembisa ingqesho emapoliseni ukuba babhatale imali.

Isithethi samapolisa uCaptain Welile Matyolo uthi amapolisa axelelwa malunga nomba apho abafaki-zicelo betsalelwa umnxeba baxelelwa ukuba mabafake imali ngesithembiso sokuqeshwa emapoliseni.

“Amapolisa akaze acele mali kubafaki-zicelo nokuba bawufumene umsebenzi okanye abawufumananga.

“Abafaki-zicelo bayacelwa ukuba nanini na xa befumana iminxeba ephathelele kwizicelo zabo okanye kukho umntu onxibelelana nabo abamkrokrelayo, mabatyelele buqu okanye batsalele umnxeba kwiiofisi zengqesho zamapolisa akwiPRD Building – 10th Floor, behamba nesazisi sabo soMzantsi Afrika,” utshilo uMatyolo.

Inombolo yoqhagamshelwano yeofisi yengqesho ngu-047 505 5000 kwaye naluphi na utshintsho kwinombolo iya kwaziswa.

INkonzo yesiPolisa yaseMzantsi Afrika ithi bazimisele ukuqhuba iinkqubo zengqesho ngendlela ecacileyo nenobuchwephesha, kwaye baya kuyivuyela intsebenziswano yoluntu ekugcineni isidima sezi nkqubo.

Malunga nayo nayiphi na imibuzo okanye iinkxalabo, abantu bayabongozwa ukuba baqhagamshelane neofisi yamapolisa yengqesho okanye nesikhululo samapolisa esikufutshane.