Azakulima amasimi amaSomaliya

Xa ujonga isantya abantu baseSomaliya abahamba ngaso kushishino, awunakuthandabuza ukuba baya kulima amasimi ngenye imini. La masimi bangawanikwa ziintsapho zeli ezihleli zingawasebenzisi kakade la masimi.

Oku bangakwenza kanye ngendlela efanayo naleyo benze ngayo ukuwanika iivenkili abagcwele kuzo ngoku.

Imeko yezimali yasekuhlaleni yayifudula isezandleni zabantu abamnyama kweli ngenxa yokuba babengabanikazi beevenkile ezilalini. Zonke ezo venkile zanikwa abantu besizwe samaSomaliya abakweli loMzantsi Afrika.

Baqale ngokuthengisa izinto ezithengiswa ezivenkileni ngokwesiqhelo, basuka apho bathengisa ukutya okushushu okufana namagwinya neetapile eziqhotsiweyo.

Ukuthatha amasimi ngenene kungalula kuba sele bethathe iivenkile ezinamakhaya wabantu, amakhaya anamangcwaba neentlanti ezinamaxhanti.

Xa ukhangela imithethwana elawula eli lizwe ngenene kungalula kubantu besizwe samaSomaliya ukuthatha amasimi kweli. Kaloku khumbula ukuba aba sele beneentsana eziminyaka ingaphezu kweshumi nangaphezulu kweli.

Bakhe ubuhlobo namakhaya ayefudula enezinto eziquka amasimi nezinye. Kwilali yaseXonxa eCacadu indoda yaseSomaliya ilime igadi, kulo gadi ilime zonke izityalo zakokwayo ezingaziwayo kweli.

Esi sizwe (Somaliya) sesinye sezizwe esithanda kakhulu amasiko nezithethe zaso kuquka neendidi zokutya kwaseSomaliya.

Ukuba bayakwazi ukulima egadini imifuno engaziwayo kweli esuka kwilizwe laseSomaliya, bangaxakwa yintoni ukulima amasimi wala makhaya abanike iigadi?

Ukuba bendiyimbongi ngendisithi zemnka iinkomo magwalandini. Oonyana bala makhaya, amasimi neegadi basebenza eKapa naseRhawutini.

Kodwa kukho abo bakhoyo banokuthatha inxaxheba, endaweni yoko baqalisa ubuhlobo nala madoda ngenjongo yokucela icuba okanye imali yokuthenga iziselo ezinxilisayo.

Ngenene kulula ukuba la madoda awathathe amasimi kuba ayakwazi ukusebenzisa imali yawo ukwenza izinto zihambe ngohlobo afuna ngalo.

Ukutshata kwala madoda neentombi zeli kubonisa ngokucacileyo ukuba ngenene akukho nto angenakuyenza la madoda.

IiNkosi, oosibonda noobhodi nabo bangena lula ezipokothweni zala madoda aseSomaliya kuba ayayikhupha imali xa efuna into.

Oonyana neentombi zeli lizwe bachitha ixesha besilwa ngezinto ezingekhoyo, bemonelana okanye bejijisana ngentsomi. Ukuthathwa koqoqosho lwasekuhlaleni ngabantu bezinye izizwe luphawu lokuba abantu beso sizwe boyisiwe. Azakulima amasimi amaSomaliya kweli.