Imiyalezo yosuku lweKrismesi

Izolo sinike ithuba abafundi bephepha-ndaba I’solezwe lesiXhosa ukuba banqwenelele izihlobo nezalamane zabo iKrismesi emyoli. Ngezantsi luluhlu esithe salufumana.

Nodeliqabaka ImbongiYosiba YaseGwadana: Ndinqwenelela bonke abantu baseDutywa abathenga iphepha-ndaba I’solezwe qho ngoLwezihlanu iKrisimesi emyoli. Usapho lakwaBuqwana lonke oluseGwadana. Abasebenzi beSolezwe lesiXhosa neFreelancers zonke ikrisimesi emyoli

Mandla Mankantshu: Ndinqwenelela umama wam ona-94 iKrismesi emnandi nonyaka ogcwele amathamsanqa nempilo ende

Malandela Chizama Nkululeko Mcete: Ndinqwenelela usapho lwasekhaya ooChizama luyitye kakuhle le Krismesi kunye neyakulomama ooJola.

Ncumisa Ndinguthandiwe Ntsada: Ndinqwenelela lonke usapho lakwaNtsada ooJalamba eseLusikisiki, Bizana, Flagstaff naseNtabankulu iKrismesi emyoli bonwabe ndiyanithanda kakhulu.

Zizipho Zama Tshayingwe Nayo: Ndinqwenelela usapho lakwaNayo ooMbona ooTshayingwe naye wonke umntu ondaziyo ndithi kubo uYehova abaphate ngenceba!

Andile Mrwetyana: Mna ndinqwenelela iKrisimesi emnandi emyoli lonke usapho lakwaMaduna Gubevu Msuthu Nokhala Tiba Jiyala…nosapho lwakulo mama eliseQonce ooJola, Mphakomo.

Nompucuko BakangelakuweNkosi Mbambalala Ntsomi: Ndingqwenelela usapho lakwaMbambalala eNqamakwe eQima kuMpetha, neyakwaMbusi.

Bongiwe Nozitshixwana: Ndinqwenelela usapho lakwa- Nozitshixwana ooTshezi neyaseMasukwinini kulomama iyonwabele iKrismesi xa iyonke

Masimthembe Siyo Majaca: Mna ndinqwenelela usapho lwam lakwaMajaca nelasebukweni bam kuGatyana kwaSaga iKrismesi emnandi.

Cebisa Ziyeka Rasmeni: Ndinqwenelela lonke usapho lakwaRasmeni eCofimvaba, amaYirha amahle.

Nkuseleko Phiwokuhle: Ndingathanda ukunqwenelela ooMadlamini bonke…nakubathengi bephepha-ndaba I’solezwe lesiXhosa…ngakumbi unkosikazi wam ozithweleyo kuba yinyanga enzima kuye le! Enkosi!

Thotho Dekeda: Ndinqwenelela usapho lwam lakwaDekeda lonke, nelakwaFokazi, Sahula, Boqwana kwakunye nabahlobo bam.

Uhuru Nkule Maseko: Usapho lakwaMaseko, Dokoda, Nkomozibomvu. Intwana yam estrongo eyenza sho ukuba ndikhuselekile eyadini * -Andile Ngceba. Iintwana zam zasekuhlaleni * -Ikho, Mdu, Steve, Eric, Tsepho, Tar Madida, ndingamlibalanga uKanina wam owenza sho ukuba ndikhuselekile eQhora uVido Buqwana. Ndinithanda nonke.

Nceba Sandi: Usapho lwam lwasemazangweni eBhayi nosapho lakwaMentani eMitchells Plain eKapa.