Impalalo gazi yoonoteksi

Umzimba womntu ongasekhoyo wogqunyiwe, ngethuba amapolisa esaqokelea iinkcukacha

UKUNGAKHATHALELI ubomi babanye abantu kwanokucingela isiqu sakho kuphela.

Le yenye yeendlela ubani angayichaza njengenye yezizathu zokuqhubeka kwempalalo gazi kudushe loonoteksi eMthatha. Bangaphaya kwamashumi amabini abantu abathe babhubha kulo nyaka, ngenxa yolu dushe loonoteksi eMthatha. Kwaba bantu kuquka abanini beeteksi, abaqhubi beeteksi kwanabakhweli.

Eyona nto engunobangela wolu dushe kukungavisisani kwabanoteksi ngomzila ophakathi kweLibode noMthatha, ophakathi kweLibode neSajonisi kwanomzila ophakathi kwaseSibangweni naseMthatha.

Ukusuka eSibangweni ukuya eMthatha kuxabisa iirandi ezisixhenxe (R7) kumkhweli ngamnye logama ukusuka eLibode ukuya eMthatha kuxabisa imali ephaya kumashumi amabini eerandi (R20).

Imbambano kule nyewe iphakathi kwengxabano yemibutho yeeteksi emibini iBorder Alliance Taxi Association kwakunye no-Uncedo Service Taxi Association.

Usihlalo kazwelonke ka-Uncedo uValindawo Ngudle uthi kudala bezama ngandlela zonke ukuthethana neBorder Alliance kodwa nkqi isisombululo.

“Kudala sibonisana malunga nesisombululo, kodwa aside sivele. Sithi sesigqibile ukuba size naso isisombululo, uve kusithiwa nazo iiteksi zethu zibethwa ngamatye,” utshilo uNgudle.

Kule veki kude kwangenelela imibutho yeeteksi iCape Amalgamated Taxi Association (CATA) neCongress of Democratic Taxi Associations (CODETA) ukuzama ukusombulula olu dushe laseMthatha. “Siye sadibana neCATA kwakunye neCODETA eMonti. Oku kungokuba nathi singu-Uncedo sabancedisa ekusombululeni udushe olwaluphakathi kweCATA neCODETA eKapa,” utshilo uNgudle – esithi unethemba lokuba ukufika kwale mibutho mibini kungeza nesisombululo.

Unobhala weANC eMpuma Koloni uOscar Mabuyane umemelele ukuba ibeke phantsi izikhali le mibutho mibini. “Sicela yonke le mibutho mibini ukuba ithabathe inxaxheba kwiingxoxo zoxolo ezikhokelwa ngumphathiswa wezothutho nokhuseleko ephondweni uWeziwe Tikana. Sonke sifanele ukuyazi into yokuba udushe zange laza nasisombululo kwingxaki,” utshilo uMabuyane.

Olu dushe loonoteksi laseMthatha lude labangela neYunivesithi yoMzantsi Afrika (Unisa) ukuba icele abafundi nabasebenzi bayo ukuba baqaphele iimpilo zabo kwisixeko saseMthatha.

“Oomanejala baseUnisa baxhalabile ludushe loonoteksi eMthatha. Sicela abafundi bethu ukuba baqaphele, bangasondeli kwiindawo ezinengxinano kwidolophu yaseMthatha,” itsho imbalelwano yefowuni ethunyelwe kubafundi baseUnisa.

Kwindibano nabahlali eViedgesville eMthatha kutshanje, uTikana umemelele intsebenziswano phakathi kwabahlali namapolisa ukulwa olu dushe loonoteksi.

Ezinye zezehlo zodushe loonoteksi eMthatha:

– 21 kweyeKhala 2016: Kudutyulwe abakhweli abathathu konzakala abalishumi elinesihlanu, bedutyulwa ngamadoda angaziwayo kudushe loonoteksi eCircus Triangle eMthatha

– 09 kweyeThupha 2016: kudutyulwe unoteksi, kodwa wasinda, ngamadoda amahlanu eNtlaza eLibode.

– 12 kweyoMsintsi 2016: Kudutyulwe kwabulawa umqhubi weteksi nomkhweli ngamadoda angaziwayo kwilali yaseQweqwe eMthatha.

– 23 kweyoMsintsi 2016: Kudutyulwe kwabulawa umqhubi weteksi ngamadoda angaziwayo eCircus Triangle eMthatha.

– 20 kweyoMsintsi 2016: Kudutyulwe umnini weteksi ephuma edolophini eMthatha.