Imvumi yegospile yanqoba ukufa ngokholo

AMANDLA endumiso, ingoma entsha yemvumi yegospile uAnele Sabani, ezis’ ithemba, isandi sendumiso nenkululeko kwiimeko zomphefumlo nenyama.

Le ngoma kaSabani, ephume kwisithuba seeveki ezimbini ezidlulileyo, yenye yeengoma ezizakube zikwicwecwe lakhe eliphuma kwinyanga yeDwarha.

Ebalisela I’solezwe ngale ngoma, uSabani uthi le yenye yeengoma ezamfikela ekwimeko emaxongo ngokwasempilweni.

“Ndandikwimo yobumnyama, ndandincamile, kodwa yena uBawo wazibonakalisa ukuba unamandla ngaphezu kwako konke,” uyabalisa.

Kwakusekuqaleni kwenyanga yoMdumba ngonyaka ka2015 ngethuba uSabani, 25, wayesonganyelwa ziintlungu zentloko eqaqamba ngokusisimanga kodwa akaya esibhedlele.

Kwinyanga kaTshazimpuzi kwakulo nyaka, uSabani waye wafunyanwa sisigulo sokufa icala (mild stroke) waze wabalekiselwa kwisibhedlele iGroote Schuur, kulapho waye walaliswa khona.

“Oogqirha benza iimvavanyo eziliqela zegazi kuquka noxilongo lwengqondo, zabuya iziphumo zisithi ndinedlala okanye ithumba engqondweni (brain tumour).

“Emva koko ndaye ndachitha iinyanga ezingama-28 esibhedlele, ndisahleli njalo, kwafika ilizwi kum elithi: ‘ Anele akuzokufa kodwa uzakuphila, uze unike ubungqina bokulunga kweNkosi eluntwini”. Isimanga, uthi emva kwalo mazwi afika kuye oogqirha benza ezinye iimvavanyo-gazi.

“Bafika kungekho ndonakele engqondweni yam, ndandingenaso eso sifo babesibonile, kwaze kwafika ingoma ethi ‘Avula iminyango ivalekile amandla endumiso akhulula izibopho ezinzima”.

Kulo nyaka, le nzalelwane yaseMagxaki eBhayi, neyenza izifundo zayo ze-Events Management eCape Peninsula University of Technology eKapa, uye wadibana noVuyisa Sholo noAviwe Gqomfa abamnikeze ithuba lokushicilela ingoma ethi ‘’Amandla endumiso’’ eVeectory Music Production eMthatha.

Le ngoma, ilandela icwecwe lokuqala likaSabani awalikhupha ngo-2013 elithi ‘’Sembathiswe Ngamandla’’ nathi azange lithengise kakuhle ngelo xesha.

USabani wabelene ngeqonga neemvumi eziphezulu kumculo wegospile eziquka uHlengiwe Mhlaba, Dumi Mkokstad, Betusile Mcinga, Khanyisa, Nobathembu, iNcandweni nabanye.

Ungazithengela ingoma kaSabani kwiminatha ethengisa iingoma, okanye uncokole naye kuFacebook, Twitter ne-Instagram.

simphiwe.freddie@inl.co.za