Indlela yakwaSathana ihlolwa ngokutsha

INDLELA enobungozi eyaziwa ngokuba kukwaSathana kufuphi nedolophu yaseNgcobo, ifumana ingqwalasela emandla kurhulumente emva kokuba isebe lezoThutho kuzwelonke liyalele ihliwe amahlongwana.

UMphathiswa wezoThutho kuZwelonke uGqirha Blade Nzimande, uchaze le ndlela njengenye yeendlela ezinobungozi kwilizwe liphela.

Indlela yakwaSathana, naloo nkungu yayo eyoyikekayo, yaziwa kakhulu ngeentlavubela zeengozi ezihlasimlisa umzimba.

Enye kwezi ngozi yileyo yonyaka ophelileyo apho ibhasi yakwaVaal Maseru yathi yagaxeleka kwingozi yashiya abantu abalishumi elinesithathu, kwashiyeka intlaninge yabantu abangaphaya kwamashumi amane yonzakele.

Ekhupha iinkcukacha zeengozi zangePasika, uNzimande uthi indlela yakwaSathana ifuna uhlalutyo nohlolo lweenjineli ukuze kunciphe iingozi ezenzeka kuyo.

Isithethi sesebe lezoThutho eMpuma Koloni uKhuselwa Rantjie, uthi le ndlela isetyenziswa kakhulu ngabantu abasuka eNgcobo naseMthatha besiya eRhawutini, kuba iyenye yeendlela zokugquphula.

“UMphathiswa (Nzimande) uyalele ukuba kwenziwe uhlolo kule ndlela ukuze kujongwe indlela enokuphuculwa ngayo,” utshilo uRantjie.

“Isebe lixakekile lisenza olo hlolo kwanokuceba amaphulo okufundisa uluntu [ngonobangela weengozi] malunga nemicelimngeni ethe yaphakanyiswa,” utshilo uRantjie.