Indoda ifunyenwe ibhubhile emotweni kwindawo yokupaka

Abacuphi besikhululo samapolisa aseHumewood bafuna uncedo lwabahlali malunga nesiganeko sokubulala emva kokuba kufunyenwe umzimba wendoda eneminyaka engamashumi amane anesine (44) emotweni kwindawo yokumisa iimoto kudederhu lweevenkile eHumerail, eGqeberha ngokuhlwa kwangoMgqibelo umhla weshumi elinesithathu (13) kweyoMqungu ka2024.

Ngokwesithethi samapolisa uCaptain Sandra Janse van Rensburg, kuthiwa ngalo mhla ukhankanywe ngasentla malunga nentsimbi ye-22:09, amapolisa aye kwindawo yexhwayelo emva kwesikhalazo sokudubula kudederhu lweevenkile eHumerail.

“Ekufikeni kwabo bafumene imoto yohlobo lweVW Polo emhlophe yophuke ifestile ngakwicala lomqhubi kunye nefestile yangasemva ngasekhohlo. Ngaphakathi emotweni bafumene umzimba wendoda esitulweni somqhubi enamanxeba amaninzi eembumbulu,” utshilo uJanse van Rensburg.

Unobangela awukaziwa kunye nabarhanelwa nabo abaziwa. Ityala lokubulala livuliwe ukuze kuphandwe. Igama lendoda ebhubhileyo liza kukhutshwa xa izalamane zazisiwe.

Nabani na onokuthi ancedise ngalo naluphi na ulwazi malunga nesi sehlo sokubulala, uyacelwa ukuba atsalele amapolisa aseHumewood ku-082 779 7174 okanye iCrime Stop ku-08600 10111 okanye isikhululo samapolisa esikufutshane. Lonke ulwazi luyimfihlo kwaye abafowunayo banokukhetha ukungazixeli ukuba bangoobani.