UBlack Coffee ubuyile ekhaya kwaye uyalulama

UDJ weli ophum’ izandla uBlack Coffee uyalulama emva kwengozi yenqwelomoya. UMFANEKISO: INSTAGRAM

UNkosinathi Innocent Maphumulo (47) owaziwa ngegama leqonga uBlack Coffee, uqinisekise abalandeli bakhe kwikhasi lakhe lonxibelelwano ukuba usekhaya kwaye uyalulama emva kwengozi yenqwelomoya ekhwankqise abantu.

Lo DJ wayesiya kwilizwe laseArgentina ukuya konwabisa abathandi bolonwabo kwiklabhu yaseMar Del Plata ebizwa ngokuba yiMute ngethuba kwenzeka le ngozi.

Kwiveki ephelileyo ngoLwesithathu, iqela likaBlack Coffee likhuphe ingxelo kumakhasi akhe onxibelelwano libhengeza le ngozi. Kule ngxelo bathe, “esi sehlo sibangele iingxaki ezingalindelekanga kwaye ushiyeke enzakele kakhulu.”

“Singaqinisekisa ukuba ufumana olona nyango lusemgangathweni ngelixa ekunye nosapho kunye neqela lakhe ecaleni kwakhe,” itshilo ingxelo kumakhasi onxibelelwano kaBlack Coffee.

Ingxelo evela kwiklabhu yaseArgentina iMute ithe uBlack Coffee uye “wabethakala kakubi emzimbeni” ngexesha inqwelomoya ebeyikhwele iyeyadibana nemisinga yomoya erhabaxa (turbulence) ngethuba esuka eFlorianopolis, eBrazil. Oku kubangele inqwelomoya ifike ngokukhawuleza kwisikhululo seenqwelomoya saseMontevideo eUruguay, waza uBlack Coffee waleqiselwa esibhedlele.

Into ebhalwe nguBlack Coffee kwikhasi lakhe likaX.

KuX (igama elitsha likaTwitter) uBlack Coffee uye waqinisekisa ukuba usekhaya eGoli kwaye uyalulama ngaphandle kokuthetha okuninzi ngokusebenzisa ii-emojis.

Abalandeli bavakalise ukukhululeka kwabo emva kolwazi lokuba usekhaya uBlack Coffee kwaye uyalulama. Oku kungenxa yokuba abantu basaxhelekile ezintliziyweni ngenxa yokubhubha koosaziwayo ababathandayo ngo2023 nto leyo eyabangela ilahleko kwishishini lezolonwabo eMzantsi Afrika.