Uthi uMagashule uzakusebenzisana noZuma

UAce Magashule uthi uzakusebenzisana noZuma. UMFANEKSIO: EPA-EFE/KIM LUDBROOK

Ethetha kumcimbi wombutho wakhe wokuzazisa kubantu bephondo laseKZN, uAce Magashule ukuqinisekisile ukuba ngenene uzakusebenzisana noMkhonto weSizwe (MK) ophantsi kukaJacob Zuma.

Oku kuzalisa ibhekile emva kokuba abahlalutyi neentatheli zemicimbi yezopolitiko zenze amaqashiso athi angahle asebenzisane la madoda mabini kulo nyulo lwalo nyaka.

Ngenene lubonakala luza kunika umdla olunyulo lonyaka ka2024 ngohlobo olahlukileyo kumaxesha angaphambili. Kumaxesha angaphambili ubungekho okanye ubumncinci umdla wokusebenzisana phakathi kwemibutho ephikisayo kulo nyulo lukazwelonke.

Xa ukhangela imbali yolonyulo kweli, imibutho ephikisayo ibisoloko ithetha ngemizuzu yokugqibela emva kokuqaphela ifuthe legangqongqo ngokweziphumo zonyulo.

Ubuhlobo obudala phakathi kukaZuma noMagashule bungenza ukuba ngenene abaninzi abasele belele ecaleni kwendlela ngenxa yeengxaki ezambethe eli babuyele kumaziko okuvota.

Kaloku iingcali zenzululwazi yezopolitiko zithi amaxesha amaninzi abavoti abalandeli miqulu yezithembiso, koko balendela imibutho ethile ngenxa yokuthanda iziqu ezithile.

Kulindeleke ukuba ngaphandle kwamathandabuzo ihle inkxaso yombutho olawulayo nanje ngoko ezinkokheli zimbini zinamandla acacileyo kumaphondo athile.

Eqhayisa ngomsebenzi wakhe kwiphondo laseFreyistata, uAce Magashule uxelele amajelo endaba ukuba sele egqibile ukwenza amalungiselelo onyulo kwiphondo laseFreyistata, Mntla Koloni naseMntla Ntshona.

Thelekisa iziphumo zokugqibela zonyulo lukazwelonke kunye nefuthe elikhatshwa ngumsindo woluntu ngenxa yeengxaki ezambethe elilizwe.

Amaphondo amabini iKZN kwakunye nephondo laseFreyistata azakuba ngawona azakunika umdla xa kuqwalaselwa inkxaso yemibutho ephikisayo ingakumbi iMK neAfrican Congress for Transformation (ACT) ka-Ace Magashule.

Zithetha kwinkonzo yesikhumbuzo kaMbongeni Ngema eKZN, iinkokheli zeANC zibonakalise iyantlukwano. USibongiseni Dlomo uvakalise ekwabonakalisa ukonyanya kwakhe uJacob Zuma, logama iNkulumbuso yelaphondo uNomusa Dube-Ncube enike imbeko kuZuma.

Kwelinye icala, unobhala jikelele weANC uFikile Mbalula ujijisana nezigxeko ngendlela enza ngayo izinto, ezi zigxeko zikhokelwe ziinkokheli zalo mbutho eziquka usihlalo uGwede Mantashe. Logama imibutho ephikisayo imanyana, umbutho olawulayo ulahlekelwa ngamandla omanyano olufuneka ngamandla kweli xesha landulela ulonyulo.

Ecacisa ngotyelelo lakhe eKZN, uMagashule uthi umbutho wakhe iACT ngumbutho kazwelonke asingombutho osekelezelwe kwindawo ethile yelizwe loMzantsi Afrika.

Elinye lamaphondo asokolayo ukuzuza iinkonzo zoluntu, iMpuma Koloni, alibonakalisi mdla kwimibutho emitsha equka iMK kwakunye neACT kaMagashule.

Iivoti ezakuxhasa uMagashule noZuma akuthandabuzeki ukuba zisuka kumbutho weANC nanje ngoko la madoda echithe iimpilo zawo kulo mbutho.