Ingqele eqhaqhazelisa amazinyo ephondweni

Kulindeleke umsinga obanda ngamandla ozakungena kwiindawo ezithile zephondo leMpuma Koloni ukusukela ngomso umhla weshumi kule nyanga.

Lo msinga kulindeleke ukuba uchaphazele ngamandla iindawo ezikwintshona yeMpuma Koloni ukusukela kusasa ngomso ukuze kamva ugqithele kwiindawo ezikwiMpuma ngorhatya lwangomso. Kulindeleke imvula kwiindawo ezigudle unxweme eziquka iPlettenberg Bay nePort Alfred.

Ikhephu elimandla lilindelekile kwiindawo ezifana neSneeuberg ukusukela kubusuku bangomso, kwaye kulindeleke ukuba linabele kwingingqi ezikwiMpuma yephondo zigqithile kwingqingqi ezikumazantsi eentaba zoKhahlamba kusasa ngo- Mgqibelo.

Eli khephu likwalindeleke ukuba lidilike kwiindawo ezindawo ezikufutshane neentaba eziphakamileyo ngoMgqibelo.

Amagosa emozulu kweli leMpuma Koloni alumnkisa uluntu ukuba luhlale luvundlile ukuze lingaziboni lingena engxakini ngenxa yeemeko zemozulu embi ezayo.

Othethe egameni lala ofisi uGarth Simpson uthi abantu mabamamele unomathotholo basebenzise nezinye iindlela ukuzixhobisa ukuze bakwazi ukujongana nale ngxaki.

siyabulela.mqikela@inl.co.za