Ingqungquthela yamaRhabe ifuna imali yayo

Ingqungquthela yamaRabe ahlaziyiweyo ka 2016 igqibe ukuba ijongane ngqo neengxaki ezibona zingunobangela wethanda kweli bandla. Iingxaki zezi zilandelayo:

– Inkcitho-mali engagunyaziswanga kwanempatho yayo engentlanga

– Ulonyulo lukaMongameli omtsha weCawa

– Ulawulo olugwenxa

Umdala uMaso uvakalise ukuba ingqungquthela njengenkundla elawulayo yagqiba ukuba iqashe igqwetha leCawa, ivule iTrust Fund account nge R5000.00, amabandla abhatale iR100 rhoqo ngenyanga ukulungiselela ukubhatala igqwetha.

Kodwa inkonzo yothuswe sisiphekepheke setyala le R308 312.00 sivela egqwetheni ngo 2015.

Ukonyulwa koMongameli omtsha yaba sisicelo esenziwa nguMongameli owehlileyo, umfundisi uTyani kwintlanganiso eyayise Ross yeBusiness Committee kweyoMdumba ka 2015, esithi impilo iyamsokolisa, kwakubakude ukulinda eyeSilimela, 2016, ixesha lakhe lokwehla.

Ulonyulo lwenziwe ngokomgaqo webandla, waza umfundisi uFutshane waphumelela. Ingqungquthela yagqiba ukuba abekwe njengoMongameli webandla jikelele kweyeSilimela 2016.

ICawa yethu yenze imali eninzi kwimijikelo yeGeneral Assembly, injongo ikukwakha iiOfisi zenkonzo eMthatha umhlaba kusithiwa ukhona.

Kumjikelo ka-2012 no-2013 imali eyi R200 000.00 yatyalwa. ICawa ibifumana iR16 000.00 ngenyanga kolu tyalo-mali, oluvele lwayeka ukufaka imali eCaweni phambi kweyeSilimela,2015, kwathi cwaka akwabikho nengxelo ethi kutheni, iphi imali kunanamhlanje. Imali eyaqokelelwa kumjikelo ka-2014 no-2015 ekwi R175 000.00 nanamhlanje iCawa isafuna ukwazi ukuba yafakwa kweyiphi ibhanki.

Abantu abagunyaziswa yiCawa ukusayina ebhankini ngunondyebo, umfundisi uRozani ekunye nomfundisi uSkenjana nomdala uMaso.

Ingxaki ejongene neCawa ngoku kukuba aba bantu bathathu basayinayo abathethi nto inye. Abefundisi bobabini bemi caleni linye ubomi buyaqhubekeka, yonke into eCaweni ihamba kakuhle kubo. Umdala ume yedwa kwelinye icala esithi “Cawa vula amehlo iyaphela imali ebhankini, ukuba iyaphi nam andazi”.

Eshiyekileyo imali yileyo isindiswe ngabadala abathe ngoncedo lwamaPolisa azivala ii-akhawunti, ayakwazi ukukhutshwa imali. Khange baye abefundisi aba kunye nabo babaxhasayo kwiNgqungquthela yesikhawu ebiseThembisa kweyeThupha, ngenjongo zokuba kulungiswe ezi ngxaki.

uMfundisi uFutshane onguMongameli uyalumkisa ngolwimi oluvakalayo lokuba kukho ubuxoki obanyelisa abanye abefundisi nabadala – kuxokiswe abantu nangobume beCawa, iyonke le nto yenze umsindo nempixwano ezingqondweni kwamanye amalungu ebandla.

Uthi ke uMongameli uyacela singamalungu sithandaze iphele lonto size nezisombululo kule ngxaki sikuyo ukuze siye phambili sibanye.

Uphinda athi “Iyakubonakalisa ukungakhathali nehlazo ukuba iCawa ithi cwaka ngokungathi intle into yokunganikwa kwengxelo xa kusetyenziswe imali”.

Le mali kuthethwa ngayo iqikelelwa kwi R577 200.00 enye iphuma kumahlwempu, abahlolo, abahlolokazi, amaxhewukazi namaxhego enkam-nkam. Malunga netyala elingakaya legqwetha ekusafuneka libhatelwe uthi uMongameli ingcaciso iyafuneka.

AmaRhabe aqaphele ukuba akukho mntu kuthiwa utye imali qha into efunwayo kukuba abantu ebebephathiswe imali beze ngaphambili baxelele iCawa ukuba imali ekhutshiweyo okanye engazange ibhankishwe zenze ntoni ngayo? Luphi lona utyalo-mali lweCawa? Kutheni benetyala leGqwetha elingaka?

Esi sibhalo sithunyelwe yingqugquthela yamaRhabe ahlaziyiweyo.

isibhalo@inl.co.za