Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Ndicela ukuqonda ukuba ingaba kulungile na ukuphupha rhoqho xa ulele?

Okwesibini, ndinephupha elindihleleleyo lokuzibona ndiphupha ndisoluka yonke imihla okanye ixesha elininzi, kodwa ke apha ekwalukeni oku ingqondo kum ihleli ukuba ndiyindoda nje, kutheni ndiphinda ndisoluka kengoku? Kwaye eli phupha eli liyandibuyela amaxesha amaninzi. Ndicela ukuqonda ke ngwevu yam ukuba oku ingaba kuthetha ntoni okanye kuzama ukuveza ntoni kum?

Okwesithathu, ndingumntu amaxesha amaninzi ohlala ephupha esitya, ixesha elininzi xa ndisitya ukutya oko ndikunikwa ngumama kobu buninzi bala maphupha, nalapho ndingacela ingcaciso ngwevu yam.

Okwesine, iphupha endisandovuka nalo, ndiphuphe kweli phupha kukhona intombazana endivana nayo okanye endithandana nayo, kube khona amantombazana amabini, enye ndandike ndathandana nayo kodwa sohlukana, enye andiyiqapheli, kodwa apha ephupheni ndiphuphe ndifumene abantwana kula mantombazana omabini ngaxeshanye, kodwa okundibhidileyo kokoba omnye wabantwana owale intombi ndingayiqapheliyo, ukhuliswa yile ntombi ndithandana nayo kwaye apha kweli phupha ndiyoyika ukuyixelela le ntombazana ndithandana nalo wesibini. Kodwa mna ndingumntu ongenamntwana, ndicela undincede kula maphupha ngwevu yam.

IMPENDULO: Ukuphupha kusempilweni kwaye kuluncedo kuthi bantu. Ukwaluka yindlela ethile yokungenisa umntu kwisigaba esithile sobomi oyinkwenkwe ebudodeni, oyintombi ebufazini. Xa ke uphupha usoluka kukho sigaba esithile amanyange akowenu afuna usihambe nokuba lubizo oluquka ukuba ligqirha okanye ukuthatha umkhonto ube yintlabi xa ungumfana. Ukanti naxa uphupha usitya asinto intle leyo kakhulu kuba izibi zingena ngokutya ephupheni kodwa ke andizokungena kulo mbandela nanjengoko unobuzaza. Eli lomntwana lichaza mhlophe ukuba wena kungenzeka ukuba awulizwanga ngenzala, ngoko ke leyo yimeko ekufuneka uyamkele.

IPHUPHA: Camagu Tata, ndiphupha ndikhulelwe, lithetha ukuthini?

IMPENDULO: Ukukhulelwa ephupheni amaxesha amaninzi kuchaza into eza kwehlela ingeyo nto imbi kodwa, masithi mhlawumbi ungumntu onanto ithile ayizamayo nokuba lushishino okanye itorho, iphupha ke elo lizisa ithemba kulo nto.

IPHUPHA: Molo Tata. Ndinephupha apha endithi ndibone izinja zihamba ecaleni kwam. Ingaba lo nto ibonisa ukuthini?

IMPENDULO: Liphupha elimnandi kakhulu elo kuba kaloku inkolo yethu ithi izinja ephupheni zizihlwele zakho ezo. Ngoko ke ukuba ukwimeko embi okanye impilo e-ethe-ethe ithemba likho lokuba uza kudlula kulo meko.

IPHUPHA: Tata ndinephupha apha elindixakileyo ndicela undincede. Ndiphupha iimpethu ezininzi zinyakazela endlini kungekho nendawo yokuba mandinyathele, ndicela undicacisele.

IMPENDULO: Lungisa indlu leyo uhlala kuyo kuba iphupha elo likubonisa ukungahlambuluki kwendawo leyo ukuyo.

IPHUPHA: Camagu! Kuchazani ukuphupha unikwa ukhiye wokuvula indlu?

IMPENDULO: Camagu. Yimpumelelo leyo kuba kaloku indlu le ligwiba nalapho ubani xa engaphakathi kuyo eziva ekhuselekile. Kodwa ke awukhuselakanga ncam ungazenzanga iimfanelo zayo ngokwamasiko nezithethe zakowenu, umzekelo ukuyivula ngokwesintu.

IPHUPHA: Ndinento endixakayo, umama notata abasekho kodwa xa ndibaphupha bangabantu abangavaniyo, omnye umele kude nomnye abathethisani, andiyazi ukuba ithwani xa inje.

IMPENDULO: Camagu. Kuyacaca ukuba ikho le nto ingazange yagqitywa besaphila nedala iyantlukwano nalapho bakhoyo. Kufuneka ke behlanganisiwe ngokwesintu. Ukufumana iinkcukacha zama ukusabela kabanzi kooSiyazi.

IPHUPHA: Camagu! Ndimana ndiphupha utata wam owasweleka ngo2006 isisingcwabo sakhe. Ndiphinde ndiphuphe isisingcwabo sikamama kodwa yena usaphila, futhi abekhona utata kwesosingcwabo. Iphinde ibe ngathi umama ukhona kodwa besimngcwabile.

IMPENDULO: Lungisa amasiko ekhaya nenzele utata wenu konke okuzimfanelo zakhe ngokwesiko lenu.

IPHUPHA: Molo tata, ndingumama othanda ukuvelelwa ngamaphupha, xa ndithe ndaphupha isuitcase, umnikazi we-suitcase bendiyiphupha uye asweleke emva kwexeshana, ndifuna ukwazi ukuba isuitcase ihambelana nokufa na?

IMPENDULO: Kaloku ityesi leyo yeyokuqokelela iimpahla kulowo unohambo nokuba lelokugqibela kusini na, wena ke unenyhweba yokuboniswa abo bahambayo kuba ungumntu onesiphiwo sokubona.

IPHUPHA: Molo kunjani. Ndicela ukubuza xana uphupha ukhonkothwa zizinja kodwa uzibethe zibaleke. Ibe ngathi ke ngoku usegqirheni. Kube ngathi liyakubetha ke ngoku igqirha, uzimele ugoduke kuthi kusenjalo ubone umlambo omkhulu onamanzi acocekileyo. Ndithi ndisacinga ukuba ndizokuwela njani, kube ngathi kukho umntu omane endixelela ukuba mandihambe apha, kodwa andiboni mntu.

IMPENDULO: Wena ukwimeko yentandabuzo ngawe nekumele ukwenze kwaye futhi wena uyazazi ukuba ungumntu omhlophe kodwa uyayibaleka lo nto. Amaphupha anjena ke akazonqaba de ube kanti wenza okufanelekileyo.

UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538

*www.umphilisi.co.za