Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Molo tata, ndicela ukubuza kuqala umama wam uphupha ingathi erumini yam kukho ikati, nam ndiyaphinda nam ndiphupha ingathi kukho iikati ezimbini ezincinci erumini yam. Ndicela ukubuza lithetha ukuthini elo phupha?

IMPENDULO: Loo magumbi afuna ukuhlanjululwa. Zamani ukuhlangana noncedo lwesintu.

IPHUPHA: Ndicela ukubuza ukuba xa uphupha uqhuba imoto entsha ube wena ungenamoto, ithetha ukuthini lo nto? Okunye uphuphe usinda endlini enkulu, kuronta, kodwa akusindwa kule ndlu. Lithetha ukuthini?

IMPENDULO: Iphupha lakho lichaza ukuba kukho okuhle okuzayo kuwe, kodwa nawe kumele uvule isandla nokuba wenze umsetyenzana omncinci okanye isichenene.

IPHUPHA: Ndiphuphe kukho mama othile, yena ndiyamazi endinika ukutya, mna nabangani bam, satya ke nathi. Ndicela ukuchazelwa eli phupha . Ndingenza njani ukuze ndithole usizo?

IMPENDULO: Andifumani nkcukacha ekubeni ukutya oko nikutyileyo kunenze ntoni emveni kwethuba. Ndingatsho nje ukuthi akulunganga ukuphupha usitya nokuba kuphantsi kweziphi iimeko. Kodwa ukuba urhanela unyawo lwemfene ungathi uhlangane nomnyangi wesintu.

IPHUPHA: Sawubona, ngicela ukubuza kuchazani ukuphupha umuntu wakuni kuthiwa ushonile ebe esaphila?

IMPENDULO: Lo nto akumele ikwethuse kuba ayitsho ukuthi umntu lowo uzakufa, koko ukuba akaphilanga kakuhle uzakuba ngumqabaqaba okanye usezakuphila ixesha.

IPHUPHA: Camagu tata, ndicela undicacisele ngephupha lam, ndiphupha ngathi ndisuka edolophini, ndifike ndibeke nje into bendiziphethe ndiye kwamheza, sithe sisahleli, ndibone kungena umama wam notata wam abangasekhoyo kule ndlu ndibeke kuyo impahla, ndiphinde ndibone utata esiya ebuhlanti ufike nje wema wathi incinci le nto ibalekwa ngulo mntwana, ndiphume ndibaleke, andisukele ingathi ndingena komnye umzi xa ndifika, ndifika kulele umakhulu walapha ndixele ba ndileqwa ngutata, athi lo makhulu vala ifesitile ulale, xa ndijonga ngoku lo makhulu ngumama katata ongasekhoyo.

IMPENDULO: Iphupha lakho liyachaza ukuba kukhona nto oyibalekayo ekufanele uyenze noyinikwa ngabadala, ingenzeka ukuba lubizo.

IPHUPHA: Ndicela ukubuza xa kusa uchebeke iindevu kancinci ube uphupha kukubi ucinezelwa, kusuke kutheni?

IMPENDULO: Zama ukufumana uncedo ngokukhawuleza ukunqanda lo mkhuba uzama ukuvela.

IPHUPHA: Kukho le ndoda ndithandana nayo ngoku ke ndayiphupha izonditshata yaye nabantu bakowabo bendamkele, ndiphinde ndiphuphe efuna itshomi yam, le tshomi kweli phupha iyavela yona, iyancuma xa le ndoda ingandifuni ifuna yena, ndiphinde ndiphuphe le ndoda ifuna undenzela yonke into kuphinde ibe ngathi iyatshintsha iyandishiya, ndaphinda ndaphupha ndiyibona emva koko kwavela ubuso bentombi endingayaziyo.

IMPENDULO: Iphupha lakho lichaza isiphithiphithi kwimicimbi ehlangene nothando, zama ukuvula amehlo.

IPHUPHA: Molweni! Ndinephupha elindihluphayo. Ndinento yomane ndiphupha nditshata umtshato wesixhosa andazi ithetha ukuthini lo nto. Ngezinye iimini ndikhe ndiphuphe ndileqwa zizinja kwaye lisoko lindifikela elo iphupha, bendicela uhlalutyelwa.

IMPENDULO: Zama ukulungisa izinto zamasiko akowenu. Iphupha lakho liqulathe loo myalezo.

IPHUPHA: Ndinamaphupha amabini, ndiphupha imali enye izi-five rand ifakwa kwimoney bag enye ngamaphepha zihundreds zodwa, ingaba axela ntoni? Elesibini: kunomtu endihlala eyadini naye ongusisi, besihleka kunye ngoku suke ndamana ndimphupha sixabana, elinye ndide ndamkhaba kwelinye uzisa iimpahla zakhe uthi uyahamba kule yadi kungoku nje sixabene, uvele wamana endihleba emntwaneni wam, tata kundibonisa ntoni oku?

IMPENDULO: Oku kukubonisa ukuba akukuhlanga kuthando olo kwaye lizama ukutyhilela ngengozi onokuthi uhlangane nayo xa uthe wanyanzelisa.

IPHUPHA: Ndiyacela undiphe intsingiselo yeli phupha, ndiphuphe ndibona amagqirha ecula emva koko ndaphupha ndihamba phezulu phakathi kwamafu amhlophe ndilandela amadoda endingawaziyo, ndicela uncedo Mhlekazi.

IMPENDULO: Camagu. Wena unobizo, zama ke ukusabela emntwini obonayo ukuba ingaba isipho sakho sikumila kunjani.

IPHUPHA: Molweni, ndicela ukubuza, xa ndiphupha indlu endihlala kuyo igcwele imbovane ndiba ngafaka ityuwa hayi ziyanda, ndizitshayele azipheli. Lithetha ntoni eli phupha tatam?

IMPENDULO: Indlu leyo ifana nethafa kuba kuyacaca ukuba kukho izinto ezingekenziwa ngokwesintu ukuvula indlu leyo ngokusesikweni

IPHUPHA: Camagu! Ngenye imini ndandilele, ndaphupha ndityiswa ukutya ngulo mntu ndingamaziyo, ndathi ndivuka kusasa isisu sam sibuhlungu futhi sigcwele. Ndaphinda ndaphupha ngathi kukho umntu ondilalayo ndathi ndimjonga lo mntu ndafika ingumntu ongumama onxibe izinto ezimnyama ukhwele phezu kwam, ndathi ndakuvuka kusasa ndavuka ndityhafile isibeleko sam sibuhlungu futhi. Ingaba athetha ukuthini la maphupha?

IMPENDULO: Konakele ukuhlala. Zama ukufuna uncedo imeko yakho ingekabi nobuzaza kuba ubomi bakho busemngciphekweni.

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538